Yiya kwinkcazelo

Umfundisi Ufumana Iimpendulo

Umfundisi Ufumana Iimpendulo

Ngenye imini xa elinye iNgqina LikaYehova uEliso laliqhuba isifundo seBhayibhile kwikhaya lelinye ibhinqa, kwafika iindwendwe ezingalindelwanga. Xa bevula emnyango, yayingumfundisi nenkosikazi yakhe. Kwincoko yabo uEliso weva ukuba unyana wale ntsapho yalo mfundisi, uye wagula waza wasweleka kwiiveki ezimbini ezidlulileyo.

UEliso wabachazela indlela abuhlungu ngayo kukuva ezi ndaba zimbi. Umfundisi nenkosikazi yakhe zange bakwazi ukuzibamba, balila kakhulu. Umfundisi wayenomsindo ibe wathi: “UThixo uyivumela njani lento! Kutheni nje ethatha unyana wam ekuphela kwakhe? Ndineminyaka eyi-28 ndimkhonza uThixo. Yindlela andibulela ngayo le! Kutheni ebulele umntwana wam nje?”

UEliso wabacacisela ukuba ayingoThixo othathe umntwana wabo. Wabaxelela ngentlawulelo, ngovuko nesizathu sokuba uThixo evumela ukuba kwenzeke izinto ezimbi. Lo mfundisi nenkosikazi yakhe, bamxelela uEliso ukuba ubaphendule kwimibuzo ebekukudala beyithandazela.

Kwiveki elandelayo, la mfundisi nenkosikazi yakhe baya kwikhaya le labhinqa ukuze baphinde bafunde iBhayibhile noELiso. Ngala mini uEliso nela bhinqa babefunda isahluko esithi “Ithemba Lokwenene Ngabantu Obathandayo Abafileyo,” kwincwadi ethi, Yintoni Ngokwenene Efundiswa YiBhayibhile? Lo mfundisi nenkosikazi yakhe babenomdla nyhani.

Ethubeni bobabini baya kwindibano ekhethekileyo yamaNgqina KaYehova eyayiseTbilisi, eGeorgia. Babona indlela abantu ababethandana nabamanyene ngayo. Kwakukudala bezama ukunceda abantu becawa yabo ukuba bathandane baze bamanyane ngale ndlela kodwa zange bakwazi. Ukubona abantu abanezo mpawu kulo ndibano, kwabavuyisa nyhani.