Uthuthuzela Abanye Nangona Enengxaki Yempilo
UClodean oliNgqina likaYehova uhlala eMzantsi Afrika. Walaliswa esibhedlele kuba wayezokwenziwa utyando. Wayegula kakhulu ibe kwakufuneka akhethe indlela aza kunyangwa ngayo. Njengokuba wayedinwa, esentlungwini enaso nestres ngaphambi kokuba enze utyando, nasemva kwalo wayenjalo. Nasemva kweenyanga ezimbini ebuyile esibhedlele, kwakusenzima nokuphakama. Ibe ngenxa yokuba kwakukho ikhorona, kwakunzima ukuba azobonwa ngabantu.
UClodean zange azisizele, ngoko wacela uYehova ukuba amnike amandla okuthuthuzela abanye. Wathi akuba bhetele, wafowunela usisi omncinci wommelwane wakhe owayekade efundelwa iBhayibhile. Wancokola naye ngento ekhuthazayo eseBhayibhileni, eyamenza waphinda wafuna ukufundelwa iBhayibhile. UClodean wamchazela nendlela ekunceda ngayo ukuya kwiintlanganiso, waza wambonisa nendlela anokungena ngayo kwibandla elikufuphi nalapho ahlala khona ngoZoom. Nyhani ke loo mntu wayencokola wangena kuZoom wade waphendula kwiintlanganiso.
Emva koko, uClodean wathetha nosisi omncinci wesifundo sakhe, naye owayenomdla wokufundelwa iBhayibhile. Wade wamxelela ngabanye abanomdla. Ngenxa yaloo nto uClodean waqalisa izifundo zeBhayibhile eziyi-4. Kodwa kwenzeka nezinye izinto ezintle!
Ngenxa yokuba uClodean ebathanda nyhani abanye, waqalisa izifundo zeBhayibhile eziyi-10, ibe ebeqhuba izifundo eziyi-16 ngexesha lekhorona. Abanye bangena qho kwiintlanganiso ngoZoom. Kuba uClodean exakeke kukunceda abanye bafunde ngoYehova, loo nto imnceda ukuba angacingi kakhulu ngesigulo sakhe. Uthi kuba uYehova, ‘onguThixo wayo yonke intuthuzelo,’ eye wamthuthuzela kwiingxaki zakhe, naye utsho wakwazi ukuthuthuzela abanye.—2 Korinte 1:3, 4.
Ziziva njani izifundo zikaClodean ngezinto ezizifundileyo? Omnye uthi: “Zindincede kakhulu. Kodwa eyona nto yandivuyisayo kukufunda igama likaThixo. Le nto indincede ndasondela kakhulu kuYehova.” Laa sisi mncinci wommelwane wakhe uClodean awamfowunelayo, ngoku ufuna ukubhaptizwa. Yonke le nto yenze uClodean wonwaba kakhulu, kangangokuba ngoku ubhetele.