Ngaba Ninabefundisi Abahlawulwayo?
Ekubeni exelisa amaKristu enkulungwane yokuqala, amaNgqina kaYehova awanabo abefundisi. Onke amalungu abhaptiziweyo amiselwe njengabalugiseleli yaye ayashumayela aze afundise. AmaNgqina ahlulahlulwa abe ngamabandla anamalungu amalunga ne-100. Amadoda aqolileyo akhonza ‘njengamadoda amakhulu,’ okanye abadala. (Tito 1:5) Akahlawulwa ngalo msebenzi awenzayo.