Yiya kwinkcazelo

Ngaba Ninawo Amabhinqa Angabashumayeli?

Ngaba Ninawo Amabhinqa Angabashumayeli?

Ewe. Onke amaNgqina kaYehova angabashumayeli, okanye abalungiseleli​—kuquka izigidi eziliqela zamabhinqa. Njengoko iBhayibhile yaprofetayo, “amabhinqa amaninzi asasaza iindaba ezilungileyo.”​—INdumiso 68:11, iNET Bible.

Amabhinqa angamaNgqina kaYehova alandela umzekelo wamabhinqa aseBhayibhileni. (IMizekeliso 31:10-31) Nangona engakhokeli ebandleni, ayashumayela ebantwini. Kwakhona afundisa nabantwana babo imigaqo eseBhayibhileni. (IMizekeliso 1:8) Ngamazwi nangezenzo, amabhinqa angamaNgqina enza konke okusemandleni awo ukuze abe yimizekelo emihle.​—Tito 2:3-5.