Kutheni Ningathi Yicawa Nje Indawo Enikhonzela Kuyo?
EBhayibhileni, igama lesiGrike eliye maxa wambi liguqulelwe ngokuthi “icawa” libhekisela kwiqela labanquli, kungekhona kwisakhiwo abakhonzela kuso.
Phawula lo mzekelo: Xa umpostile uPawulos wayebhalela amaKristu aseRoma, wathumela imibuliso kuAkwila noPrisila yaye waleka ngelithi: “Bulisani necawa ekhonzela ekhayeni labo. (Roma 16:5, iContemporary English Version) UPawulos wayengayidluliseli esakhiweni imibuliso. Kunoko wayeyidlulisela ebantwini—ibandla elalidibanela kwelo khaya. a
Ngoko, kunokuba sibize indawo esinqulela kuyo ngokuba yicawa, sisebenzisa ibinzana elithi “IHolo YoBukumkani.”
Kutheni Nisithi “IHolo YoBukumkani YamaNgqina KaYehova”?
Eli binzana liyafaneleka ngenxa yezizathu eziliqela:
Isakhiwo yiholo, okanye indawo yokuhlanganisana.
Sihlanganisana ukuze sinqule uYehova, uThixo oseBhayibhileni nokuze sinikele ubungqina ngaye.—INdumiso 83:18; Isaya 43:12.
Kwakhona siyahlanganisana ukuze sifunde ngoBukumkani bukaThixo, uYesu awayesoloko ethetha ngabo.—Mateyu 6:9, 10; 24:14; Luka 4:43.
Wamkelekile ukuba ungaya kwiHolo yoBukumkani ekufutshane nawe uye kuzibonela indlela amaNgqina kaYehova aziqhuba ngayo iintlanganiso.
a Amabinzana afanayo ayavela kweyoku-1 kwabaseKorinte 16:19; Kolose 4:15; nakuFilemon 2.