Kutheni AmaNgqina KaYehova Engaphenduli Kuzo Zonke Izityholo Abekwa Zona?
AmaNgqina KaYehova athobela icebiso leBhayibhile lokungaziphenduli zonke izityholo zabantu abachasayo. Ngokomzekelo, iBhayibhile ithi: “Olungisa umgculeli uzizisela ihlazo.” (IMizekeliso 9:7, 8; 26:4) Kunokuba sibe sixoxa nabantu abasityhola ngobuxoki, eyona nto ibalulekileyo kuthi kukukholisa uThixo.—INdumiso 119:69.
Ewe kona, “kukho ixesha lokuthi cwaka nexesha lokuthetha.” (INtshumayeli 3:7) Siyabaphendula abo bafuna ukuyazi iBhayibhile, kodwa siyakuphepha ukuxoxa izinto ezingenamsebenzi. Ngaloo ndlela sithobela iimfundiso nomzekelo kaYesu nowamaKristu okuqala.
UYesu akazange aphendule kwizityholo zobuxoki awatyabekwa zona phambi koPilato. (Mateyu 27:11-14; 1 Petros 2:21-23) Kwakhona, uYesu akazange aphendule kwizityholo zokuba ulinxila nedlakudla. Kunoko, izenzo zakhe zangqinelana nalo myalelo: “Ubulumko bungqineka bububulungisa ngemisebenzi yabo.” (Mateyu 11:19) Kodwa ke, xa kunyanzelekile wayebaphendula ngesibindi abo babethetha kakubi ngaye.—Mateyu 15:1-3; Marko 3:22-30.
UYesu wafundisa abalandeli bakhe ukuba bangatyhafiswa zizityholo zobuxoki. Wathi: “Ninoyolo nina xa abantu beningcikiva, benitshutshisa, bethetha ngani lonke uhlobo lwento engendawo bexoka, ngenxa yam.” (Mateyu 5:11, 12) Kwakhona, uYesu wathi xa izityholo zivulela abalandeli bakhe ithuba lokushumayela, wayeza kuzalisekisa esi sithembiso: “Ndiza kuninika umlomo nobulumko, obo xa bebonke abachasi benu bangayi kukwazi ukubuchasa okanye ukubuphikisa.”—Luka 21:12-15.
Umpostile uPawulos wawalumkisa amaKristu ukuba aphephe ukuphikisana nabachasi ngezinto ezingenamsebenzi, esithi ezi mpikiswano ‘zingamampunge yaye ziphuthile.’—Tito 3:9; Roma 16:17, 18..
Umpostile uPetros wakhuthaza amaKristu ukuba alumele ukholo lwawo xa kunyanzelekile. (1 Petros 3:15) Kodwa watsho ukuba eyona ndlela yokuyenza le nto idla ngokuba kukuyenza kunokuyithetha. Wabhala wathi: “Ngokwenza kwenu okulungileyo, nibavale umlomo abo bathetha ngokungenangqiqo nangokungazi.”—1 Petros 2:12-15.