Kutheni Ningayibhiyozeli Ipasika?
Ubuxoki obudla ngokuthethwa
Ubuxoki: Isizathu sokuba amaNgqina kaYehova angayibhiyozeli iPasika kukuba akangomaKristu.
Inyaniso: Sikholelwa ekubeni uYesu Kristu ngumsindisi wethu, yaye senza konke okusemandleni ethu ukuze ‘silandele emanyathelweni akhe.’—1 Petros 2:21; Luka 2:11.
Ubuxoki: Anikholelwa ukuba uYesu wavuswa ekufeni.
Inyaniso: Siyakholelwa ukuba uYesu wavuswa; loo nto ngunobangela wokholo lwamaKristu yaye siyayibalaselisa xa sishumayela.—1 Korinte 15:3, 4, 12-15.
Ubuxoki: Aniyikhathaleli into yokuba abantwana benu bephoswa bubumnandi beiholide yePasika.
Inyaniso: Siyabathanda abantwana bethu—sizama ngamandla ethu onke ukubaqeqesha nokubanceda ukuba bonwabe.—Tito 2:4.
Kutheni amaNgqina kaYehova engayibhiyozeli iPasika?
Ukubhiyozela iPasika akusekelwanga eBhayibhileni.
UYesu wayalela ukuba kukhunjulwe ukufa kwakhe, hayi ukuvuka kwakhe. Esi Sikhumbuzo sisenza nyaka ngamnye ngosuku lokufa kwakhe njengoko luboniswa yikhalenda yeBhayibhile.—Luka 22:19, 20.
Sikholelwa ekubeni izithethe zePasika ezivela kwizithethe zamandulo zenzala, zibangela ukuba ingamkeleki kuThixo. UThixo ufuna “uzinikelo olupheleleyo,” yaye unqulo olwenza izinto angazifuniyo luyamcaphukisa.—Eksodus 20:5; 1 Kumkani. 18:21.
Sikholelwa ekubeni isigqibo sethu sokungayibhiyozeli iPasika sisekelwe ngokuqinileyo eBhayibhileni, ekhuthaza ukusetyenziswa ‘kobulumko bobuqili namandla okucinga’ kunokuba sisuke nje silandele izithethe zabantu. (IMizekeliso 3:21; Mateyu 15:3) Ngoxa sibaxelela abantu xa besibuza ngento esiyikholelwayo ngePasika, siyalihlonipha ilungelo abanalo lokuzigqibela ngento abafuna ukuyenza.—1 Petros 3:15.