Ngaba Niyawenza Umsebenzi Wobuvangeli?
Ewe. Naphi na apho sihlala khona, onke amaNgqina kaYehova asebenza ngokungathi angabashumayeli bevangeli, kuba lisiko lawo ukuya ebantwini aze ancokole nabo ngeBhayibhile.—Mateyu 28:19, 20.
Ukongezelela, amanye amaNgqina aye atyelele okanye afudukele kwiindawo ezinabantu abangekaziva iindaba ezilungileyo ezisuka eBhayibhileni. Amanye amaNgqina afudukela kwamanye amazwe ukuze ashumayele khona. Avuya kakhulu kuba ezalisekisa isiprofeto sikaYesu, esithi: “Niya kuba ngamangqina am . . . kuse nakwezona nxalenye zikude zomhlaba.”—IZenzo 1:8.
Ngo-1943, kwaqaliswa isikolo esikhethekileyo sokuqeqesha abathunywa bevangeli. Ukususela ngoko, angaphezu kwe-8 000 amaNgqina aye afumana le mfundo kwesi sikolo sibizwa ngokuba siSikolo SeBhayibhile SeWatchtower SaseGiliyadi.