Yiya kwinkcazelo

Uhambo Olungalibalekiyo

Uhambo Olungalibalekiyo

Nyaka ngamnye, abantu abaninzi batyelela izakhiwo zeofisi yesebe yaseUnited States nekomkhulu lehlabathi lamaNgqina kaYehova eNew York. Ezi zakhiwo zibizwa ngokuba kuseBheteli, igama lesiHebhere elithetha, “Indlu KaThixo.” Iindwendwe zisuka kwiindawo ezikufutshane nezikude zize kubona indlela oluveliswa ngayo uncwadi, zibone indlela owenziwa ngolungelelwano ngayo umsebenzi zize zityelele abahlobo bazo abalapho. Enye indoda yayizimisele ukuthath’ uhambo oluya eBheteli.

UMarcellus oliNgqina likaYehova ohlala eAnchorage, eAlaska, eUnited States, akakwazi kuthetha kakuhle ngenxa yokuba wahlaselwa sistroke kwiminyaka eyadlulayo. Uhlala kwisitulo esinamavili ibe uyakudinga ukuncediswa kwimisebenzi ethile. Phezu kwazo nje ezo ngxaki, wayekufuna ngamandla ukuya kutyelela eBheteli. Kutshanje, uye wakwazi ukutyelela eBheteli, ibe izinto zihambe njengoko ebecebile.

UCorey umhlobo kaMarcellus owayemncedisa ekucebeni olu hambo uthi: “Wayezimisele. Wayesoloko endifowunela efuna ukuva ukuba izinto zihamba njani. Ekubeni uMarcellus ekwazi nje ukuthi ‘Ewe’ okanye ‘Hayi,’ kwakufuneka ndimbuze imibuzo xa efowunile. Sasincokola ngolu hlobo:

“Ndize apho kuwe?”

“Hayi.”

“Ufuna ndifowunele ugqirha?”

“Hayi.”

“Ufuna ukuva ngohambo lwaseBheteli?”

“Ewe.”

“Kwakuye kufuneke ndichaze inkqubela yohambo. Ndakuvuyela ukubona uhambo luphumelela.”

UMarcellus uye wajamelana neengxaki eziliqela ngaphambi kokuba athathe olu hambo. Ekubeni umvuzo wakhe umncinane, uye wagcina imali kangangeminyaka emibini ukuze ahlawulele uhambo oluya eNew York, oluziikhilomitha eziyi-5 400. Ngenxa yempilo kuye kwafuneka kubekho umntu oza kumkhapha. Kwakhona kwakufuneka imvume kagqirha ngaphambi kokuba ahambe, ibe waphendula kwiintsuku nje ezimbalwa ngaphambi koko.

Ukufika kwakhe eNew York, uMarcellus wabona iBrooklyn, iPatterson neWallkill. Wabona oomatshini abakhulu bokuprinta bokuvelisa iincwadi neeBhayibhile ibe wabona nendlela owenziwa ngokulungelelene ngayo umsebenzi. Wabona umboniso onomxholo othi, “IBhayibhile Negama LikaThixo” nothi, “Abantu Begama LikaThixo.” Njengoko wayebuka isakhiwo, wazenzela abahlobo abaliqela abatsha. Eneneni olu yayiluhambo olungalibalekiyo!

Abantu abaninzi baluchaza njengolungathethekiyo uhambo lwaseBheteli. Kangangokuba xa uMarcellus wabuzwa ukuba belumnandi na uhambo lwaseBheteli, waphendula wathi: “Ewe. Ewe. Ewe!”

Ukutyelela eBheteli kunokukukhuthaza wena nentsapho yakho, njengoko kwakunjalo ngoMarcellus. Ungaziva ukhululekile ukutyelela iiofisi zamasebe ezisehlabathini lonke. Nawe ungeza uze kuzibona.