Yiya kwinkcazelo

Umboniso Wembali YamaNgqina KaYehova

Umboniso Wembali YamaNgqina KaYehova

Ngo-Oktobha 2012, kwiiofisi zekomkhulu lamaNgqina kaYehova eliseBrooklyn, eNew York, kuye kwaqaliswa indlela entsha yokufundisa nokubonisa abantu imbali yamaNgqina kaYehova. a Le mbali ibonisa izinto ezifana nobunzima, iingozi kunye nempumelelo yamaKristu.

Iindwendwe ezityeleleyo ziboniswa imbali yamaKristu ukususela ngo-33 C.E. ukuza kuthi ga ngoku. Le mbali yahlulahlulwe yangamacandelo amane yaye kuboniswe neminyaka ezazisenzeka ngayo izinto ekuthethwe ngazo. Candelo ngalinye lisekelwe kwivesi ethile yeBhayibhile yaye litshayelelwa yividiyo emfutshane yesiNgesi​—kodwa etolikwa nangesiFrentshi, isiJapan, isiKorea, isiPhuthukezi, iSpanish nesiTaliyane.

Amacandelo Aphambili Ale Mbali

Icandelo lokuqala elinomxholo othi “Abantu Bathande Ubumnyama,” licatshulwe kumazwi kaYesu akuYohane 3:19. IBhayibhile yayithe “kuya kusuka amadoda aze athethe izinto ezijijekileyo.” (IZenzo 20:30) Kwiminyaka edweliswe kula macandelo kuthethwa nangezinto ezenziwa ngala madoda.

Icandelo lesibini elinomxholo othi “Ukukhanya Makukhanye,” licatshulwe kumazwi akweyesi-2 kwabaseKorinte 4:6. Eli candelo libonisa izinto ezenzeka kwiminyaka engasekupheleni kwee-1800 ukusa ekuqaleni kwee-1900. Libalisa ngeqela lamadoda anyanisekileyo, awashiya iinkolelo awayenazo, aza ayifunda ngokutsha iBhayibhile esithi ivesi mayitolikwe yenye ivesi. Likwathetha nangezinto ezininzi awazifundayo la madoda, nangokwanda kwamaNgqina ngaphambi nje kweMfazwe Yehlabathi Yokuqala.

Kwakweli candelo, kuboniswa enye into eyenziwa ngamaNgqina. Ngo-1914 Abafundi BeBhayibhile (igama awayebizwa ngalo amaNgqina kaYehova ngelo xesha) baqalisa ukubonisa abantu “iPhoto-Drama of Creation,” ividiyo yokuqala ukudibanisa imifanekiso kunye namazwi. Kwiminyaka emveni kokuba yenziwe, babeyinyambalala abantu abafuna ukuyibukela. Kuqukwe nemifanekiso ethatyathwe kule Photo-Drama of Creation, ividiyo emfutshane ebonisa ingabula zigcawu yayo kunye nemifanekiso emibala-bala engaphezu kwe-500.

Icandelo lesithathu elinomxholo othi ‘Inamba Yaqumba,’ lona licatshulwe kwiSityhilelo 12:17. Lithetha ngokuphathwa kakubi kwabalandeli bakaKristu ekuqaleni kwenkulungwane ye-20 ibe linamabali achukumis’ intliziyo athetha ngamaKristu angazange athathe cala ngamaxesha eemfazwe. Kukho ividiyo ebalisa ngoRemigio Cuminetti, iNgqina elingazange livume ukunxiba iyunifomu yomkhosi waseItali nokulwa kwiMfazwe Yehlabathi Yokuqala. Enye ibalisa ngoAlois Moser waseAustria ongazange avume ukuthi “Heil Hitler!” waza ngenxa yaloo nto wagxothwa emsebenzini, wabanjwa waza wavalelwa kwinkampu yoxinaniso yaseDachau.

Kukho nesisele esimnyama esibonisa iindawo awayevalelwe kuzo amaNgqina aseGrisi, eJapan, ePoland naseSerbia.

Icandelo lokugqibela elinomxholo othi “Iindaba Ezilungileyo Zeentlanga Zonke,” lona lisekelwe kuMateyu 24:14 kwaye libonisa imisebenzi eyenziwa ngamaNgqina kaYehova ukususela ngo-1950 ukuza kuthi ga ngoku. Kukho imifanekiso emininzi exhonywe eludongeni, ebonisa indlela abazalwana abaqhubeka beshumayela ngayo, kunye nendlela abalubonisa ngayo uthando, uphawu adume ngalo amaNgqina kaYehova.

Ngaphambi ngokuba iindwendwe zihambe, kukho iindawo ezigqitha kuyo ukuze zibuke imifanekiso yezakhiwo ezazisetyenziswa ngamaNgqina kwiminyaka engaphezu kweyi-100 eyadlulayo, njengeBible House neBrooklyn Tabernacle.

Kutheni Kuboniswa Le Mbali?

Kwathatha unyaka wonke kucetywa lo mboniso wale mbali, kwaza kona ukuwakha kwaba ziinyanga eziliqela. AmaNgqina asehlabathini lonke aye anikela ngezinto zawo zexabiso awayekade ezigcine kangangeminyaka.

Kwakutheni ukuze kwenziwe lo msebenzi ungaka? Xa kwabuzwa iingenelo ezaziya kufunyanwa ngamaNgqina kaYehova ngokubuka le mbali, elinye ilungu leQumrhu Elilawulayo LamaNgqina KaYehova lathi: “Ukuze sazi apho siya khona, kufuneka siqale sazi apho sisuka khona.”

a Lo mboniso wembali, obizwa ngokuba yiexhibition ngesiNgesi, use-25 Columbia Heights, eBrooklyn, eNew York yaye umntu ofuna ukuwubona uvumelekile ukuza ngoMvulo ukusa ngoLwesihlanu, ngo-8:00 a.m. ukusa ngo-5:00 p.m. Akungenwa ngamali.