Yiya kwinkcazelo

Itheko Leklasi Ye-136 Labaphumelele KwiSikolo SeBhayibhile SeWatchtower SaseGiliyadi

Itheko Leklasi Ye-136 Labaphumelele KwiSikolo SeBhayibhile SeWatchtower SaseGiliyadi

Emva kweenyanga ezintlanu befundisisa iBhayibhile, abafundi beklasi ye-136 yaseGiliyadi benzelwa itheko ngoMgqibelo ngoMatshi 8, 2014. Kwesi sikolo, abashumayeli abanamava abangamaNgqina kaYehova bafundiswe indlela yokuphucula ubuchule babo ekushumayeleni nokomeleza ukholo lwamanye amaNgqina. Eli theko lizinyaswe ngabantu abayi-11 548 kwiziko lemfundo lamaNgqina kaYehova ePatterson, eNew York, abanye babo bebebukele ngevidiyo eKhanada, eJamaica, ePuerto Rico, naseUnited States.

“Hlalani Ninesi Simo Sengqondo.” UDavid Splane, weQumrhu Elilawulayo lamaNgqina kaYehova nobengusihlalo weli theko, wavula ngamazwi akumaFilipi 2:5-7, athi: “Hlalani ninesi simo sengqondo wayenaso noKristu Yesu.” Xa wayesemhlabeni, uYesu wayengazikhathazi ngesikhundla kunoko ngentobeko wenza umsebenzi kaThixo.

Ngokomzekelo, uYesu akazange avume ukuhendwa nguMtyholi, wasebenzisa amazwi athi, “Kubhaliwe kwathiwa,” ecaphula amazwi kaMoses awawathetha kuhlanga lwamaSirayeli. (Mateyu 4:4, 7, 10; Duteronomi 6:13, 16; 8:3) Nangona uYesu wayenokusebenzisa igunya lakhe njengoNyana othanjisiweyo kaThixo, wathobeka waza wabonisa uxabiso ngomsebenzi kaMoses. Ngendlela efanayo, nathi kufuneka sibonise abanye ukuba siyazixabisa izinto abakwaziyo ukuzenza size sibancome.

Kwakhona uMzalwan’ uSplane wabalaselisa isimo sengqondo esihle uYesu awasibonisayo ngaphambi kokuba abuyele ezulwini. Wathandaza wathi: “Ngoko ke wena, Bawo, ndizukise ecaleni kwakho ngozuko endandinalo ecaleni kwakho phambi kokubakho kwehlabathi.” (Yohane 17:4, 5) UYesu wayengazifuneli malungelo angakumbi. Isicelo sakhe sasisinye, sokuba abuyiselwe kwisikhundla sakhe sakuqala, okanye ‘enze la msebenzi wayekade ewenza,’ xa ebuyela ezulwini. Ngendlel’ efanayo, abafundi abaphumelele eGiliyadi bamele baxelise uYesu, ngokuba banganikeli ngqalelo kwisikhundla kodwa kumsebenzi, baneliseke enoba abafumani malungelo angakumbi xa bebuyela kwizabelo zabo.

“Zincameni Ningazisoli.” UWilliam Malenfant, oncedisa iKomiti Yokufundisa yeQumrhu Elilawulayo, wakhuthaza abafundi ukuba balandele umzekelo wokuzincama kampostile uPawulos. Endaweni yokujonga izinto azincamileyo ukuze akhonze uThixo, uPawulos wathi: “Ndiyazilibala izinto ezingasemva ndize ndolulele kwizinto ezingaphambili, ndisukela umvuzo.”—Filipi 3:13, 14.

Ngokuzincama kwabo bengazisoli, abafundi baza kuxelisa umzekelo wabakhonzi bakaThixo bamandulo nabale mihla. UMzalwan’ uMalenfant wacaphula uClara Gerber Moyer, owaqalisa ukukhonza uYehova esengumntwana. Wabhala wathi: “Xa ndijonga ngasemva andizisoli nakancinane ngale minyaka ingaphezu kweyi-80 ndikhonza uThixo! Andinokwala xa kungathiwa mandiphinde ndiphile ngale ndlela.”

“Ukushumayela NgoBukumkani Kunye Neengelosi, Njengeengelosi.” UGerrit Lösch weQumrhu Elilawulayo wanceda abafundi baxabisa ngakumbi izinto ezimbini ezixhamlwa ngabo bashumayelayo. Okokuqala, kungathiwa baziingelosi zikaThixo xa beshumayela iindaba ezilungileyo zoBukumkani, ngoba igama lesiHebhere nelesiGrike elisetyenziswe eBhayibhileni elichaza “ingelosi” linokuguqulelwa ngokuthi, “umthunywa.” Okwesibini, abafundi bashumayela iindaba ezilungileyo bekhokelwa ziingelosi, njengokuba kwakunjalo ngomfundi uFilipu.—IZenzo 8:26-35.

UMzalwan’ uLösch wabalisa amava aliqela afunyenwe ngamaNgqina kaYehova kumsebenzi wawo wokushumayela ngoBukumkani. Ngokomzekelo, elinye iNgqina laseMexico, uGabino, odla ngokunkqonkqoza kube kanye okanye kabini emzini, wankqonkqoza izihlandlo zazine kwelinye ikhaya. Indod’ eyavula umnyango yamxelela ukuba yayiza kuzibulala. Yathi: “Uthe wakunkqonkqoza okwesine, ndabe sele ndizirhintyele ngentamb’ emqaleni. Kodwa ndayikhulula ukuze ndivul’ umnyango. Enkosi ngokuqhubeka unkqonkqoza. Ukuba ubuyekile, ngendizixhomile.”

Nangona iimeko ezinje zizenzekela ngamany’ amaxesha, siyazi ukuba akunjalo ngoninzi lwazo. Endaweni yoko, zinikela ubungqina bokuba umsebenzi wokushumayela owenziwa ehlabathini lonke ukhokelwa ziingelosi zikaThixo.—ISityhilelo 14:6.

“Obekekileyo Uya Kusikelelwa.” UMichael Burnett ongumhlohli waseGiliyadi, wanikela intetho esekelwe kumzekelo kaYabhetse oyinzalelwane kaYuda, ‘owayebekekile kunabantakwabo.’ UYabhetse wathandaza wathi kuThixo: “Ukuba nakanjani na uya kundisikelela uze ngenene uwandise ummandla wam, isandla sakho sibe nam, uze undigcine kwintlekele.”—1 Kronike 4:9, 10.

Abafundi banokuxelisa umzekelo kaYabhetse owayebekekile, ngokuba bangqale emithandazweni yabo, ngokukodwa xa becela uThixo abancede baphumeze injongo yokufundiswa kwabo eGiliyadi. Banokuphinda bacele uThixo abakhusele kwintlekele, la mazwi awathethi kuthi kufuneka bafihlwe ngokupheleleyo kwimiphumo yayo kodwa athetha ukuthi bancedwe bangonganyelwa yintlungu okanye yimiphumo yobungendawo. UThixo wawuphendula umthandazo kaYabhetse ibe Uya kwenza okufanayo nakweyabo imithandazo.

“Hlalani Nivutha.” UMark Noumair ongumhlohli waseGiliyadi noncedisa iKomiti Yokufundisa wanikela intetho esekelwe kweyoku-1 kwabaseTesalonika 5:16-19. Njengokuba umlilo udinga amafutha, umoya nobushushu ukuze uhlale uvutha, nabo abafundi bangasebenzisa ezi zinto zintathu eziza kubanceda bahlale bevutha yaye bekhuthele entsimini.

Okokuqala, “hlalani ninemihlali.” (1 Tesalonika 5:16) Abafundi banokufumana uvuyo, oluza kuvuthisa indlela abakhuthele ngayo, ngokuba bacingisise ngeentsikelelo zokuba ngabahlobo bakaYehova. Okwesibini, “thandazani ngokungapheziyo.” (1 Tesalonika 5:17) Umthandazo ufana nomoya obangela umlilo uvuthe ngakumbi. Kufuneka sizityand’ igila kuThixo. Okwesithathu, “ezintweni zonke bulelani.” (1 Tesalonika 5:18) Ukuba nombulelo kubangela ubuhlobo esinabo noYehova nabazalwana bethu bomelele. UMzalwan’ uNoumair wathi: “Hlalani ninombulelo noxabiso, kunokuba nihlale nigxeka.”

“Ukudumisa UYehova Kunye Nommandla Wamazulu.” USam Roberson ongumhlohli kwizikolo zentlangano, wanikela intetho esekelwe kumazwi eBhayibhile abonisa ukuba ilanga, inyanga neenkwenkwezi zizukisa uYehova. (INdumiso 19:1; 89:37; 148:3) Wathi naba bafundi bafumene ixesha lokudumisa uYehova, emva koko benza imiboniso yamava abawafumene entsimini. Ngokomzekelo, omnye umfundi waya kwindoda eyayihamba ngesitulo samavili, waza wayibulela kuba ibonise uxabiso ngento ayenzele yona, yokumisa imoto iwele isitrato. Baqalisa ukuncokola, ibe le ndoda yamkela nesifundo seBhayibhile sasimahla. Njengoko lo mfundi waseGiliyadi eqhuba esi sifundo, wakwazi nokushumayela kubantu ababendwendwela le ndoda. Umphumo wale ncoko yabo, yaba kukuqhutywa kwezifundo zeBhayibhile ezisixhenxe.

“Imfundo KaThixo Mayikukhulise.” UDonald Gordon oncedisa iKomiti Yokupapasha, wadlan’ indlebe nezibini ezitshatileyo ezibini ebezikule klasi. Omnye wabazalwana ebekuthethwa naye ukhumbula indlela amaEfese 3:16-20 abalaseliswe ngayo kwesi sikolo. Oku kwanceda abafundi ukuba ‘benziwe bomelele’ ngokuba bathobeke baze bangeneke, baqonde ukuba uYehova unika Ngqina ngalinye umsebenzi owaneleyo. Omnye udade uthande indlela omnye umhlohli waseGiliyadi athethe ngayo xa esithi bamele bangafani nentlanzi enkulu esemanzini amancinane kuba ambalwa amathuba okukhula, kodwa bamele bafane nentlanzi encinane kulwandlekazi olukhulu. Wathi: “Ndifunda ukuba, ukuba ndihlala ndithobekile kwintlangano kaYehova, uYehova uza kundinceda ndikhule ngokomoya.”

“Ngamana UYehova Angakukhumbula Ngokulungileyo.” UMark Sanderson, weQumrhu Elilawulayo wanikela uvutho-ndaba lwentetho yeli theko, esekelwe kumthandazo kaNehemiya othi: “Ndikhumbule, Thixo wam, ngokulungileyo.” (Nehemiya 5:19; 13:31) UNehemiya wayengoyikeli into yokuba uYehova uza kumlibala nomsebenzi wakhe. Kunoko wayemcela ukuba amkhumbule ngokulungileyo aze amsikelele.

Ngendlela efanayo, abafundi banokuba nentembelo yokuba uYehova uza kubakhumbula ngokulungileyo ukuba basebenzisa iimfundiso zaseGiliyadi. Ngokomzekelo, eyona nto imele ibenze bakhonze uYehova luthando. (Marko 12:30) UAbraham wayemthanda ngentliziyo yakhe yonke uYehova, yaye uThixo wamkhumbula ngokulungileyo. Nasemva kweminyaka eliwaka eswelekile uAbraham, uThixo wayethetha ngolu hlobo ngaye, “umhlobo wam.”—Isaya 41:8.

Kwakhona uMzalwan’ uSanderson wakhumbuza abafundi ukuba bathande ummelwane, ngokukodwa abazalwana noodade abangamaKristu. (Marko 12:31) NjengomSamariya olungileyo ‘owaba ngummelwane wala mntu wayegaxeleke kubaphangi,’ nabafundi bamele bathathe inyathelo lokuqala ngokuba banikele uncedo kwabo baludingayo. (Luka 10:36) Ukuze abethelele le ngongoma, wasebenzisa umzekelo kaNicholas Kovalak, owayengumveleli wesithili nomfundi ophumelele eGiliyadi. UMzalwan’ uKovalak wayesaziwa ngobubele nothando lwakhe. Wakha wakhuthaza omnye umveleli ohambahambayo nomfazi wakhe ukuba bakhuthale entsimini, wathi: “Shumayelani ekuqaleni kosuku, ekuqaleni kweveki, ekuqaleni kwenyanga, ekuqaleni konyaka.” Emva kokubukela lo dade eshumayela kangangeentsuku ezithile wathi: “Yilibale la nto bendiyithethile. Ndiyakubona ukuba usebenza nzima. Khawubuyis’ unyawo ukuze ukwazi ukuqhubeka ukhonza uYehova.” Eli cebiso lakhe lobubele lincede lo dade waqhubeka eshumayela ixesha elizeleyo kangangeminyaka emininzi.

Ekugqibeleni, uMzalwan’ uSanderson wakhuthaza abafundi ukuba bafeze injongo yesi sikolo ngokuba bafundise baze baqeqeshe nabanye. (2 Timoti 2:2) Njengokuba besebenza kwizabelo zabo, banokukwazi ukomeleza abazalwana, beqinisekile ukuba uYehova uza kubakhumbula ngokulungileyo.—INdumiso 20:1-5.

Umqukumbelo. Emva kokuba abafundi befumene iidiploma zabo, omnye wabo wafunda ileta yombulelo. Abafundi abayi-15 bavala eli theko ngokucula ingoma 123 esuka kuCulela UYehova, enomxholo othi, “Abalusi—Izipho Ezingabantu.”