Yiya kwinkcazelo

Iklasi Ye-134 Yabaphumelele EGiliyadi—“Xelisa Ukholo Lwabo”

Iklasi Ye-134 Yabaphumelele EGiliyadi—“Xelisa Ukholo Lwabo”

The 134th class of the Watchtower Bible School of Gilead graduateIklasi ye-134 yabaphumelele kwiSikolo seBhayibhile seWatchtower saseGiliyadi iye yahlanganisana ngoMgqibelo, ngoMatshi 9, 2013 kwiziko lemfundo lamaNgqina kaYehova elisePatterson, eNew York. Esi sikolo siqeqesha abashumayeli abangamaNgqina kaYehova ukuze babe ngoompondo zihlanjiwe. Kwesi sihlandlo bekukho abantu abayi-9 912, kuquka abahlobo, iindwendwe kunye neentsapho zabafundi.

UMark Sanderson, weQumrhu Elilawulayo lamaNgqina kaYehova, ebengusihlalo weli theko. Wakhumbuza abaphulaphuli ngoko kwathethwa nguNathan Knorr owayengumongameli wesi sikolo, xa sasiqaliswa kwiminyaka eyi-70 eyadlulayo ngoFebruwari 1, 1943. Wathi: “Kumele ukuba kukho amakhulu, namawaka angakumbi anokufikelelwa [ngeendaba ezilungileyo zoBukumkani bukaThixo] ukuba bekukho abasebenzi abangakumbi entsimini. Ngeemfefe zeNkosi, kuza kubakho abangakumbi.” Ngaba uMzalwan’ uKnorr wayephazama?

Cinga ngalo mzekelo. Emva nje kokuba esi sikolo siqalisile, uMzalwan’ uKnorr waya eMexico, ekhangela iindawo abanokuthunyelwa kuzo aba bashumayeli. Ngoxa wayelapho kwamenywa amabandla akumgama weekhilomitha eziyi-240 ukusuka eMexico City ukuba eze kwintlanganiso kunye naye, yaye kweza abantu abayi-400. Ngoku sele kudlule iminyaka ephantse ibe yi-70 bafikayo abashumayeli abasuka eGiliyadi yaye ukuba ubunokumema kwala mabandla manye ukuba eze kule ntlanganiso, bekunokufika abantu abangaphezu kwe-200 000!

“Yintoni Esesandleni Sakho?” Umxholo wentetho ka-Anthony Griffin weKomiti yeSebe laseUnited States wawusekelwe kumazwi akwiEksodus 4:2, apho uThixo wabuza uMoses oku: “Yintoni leyo isesandleni sakho?” UMoses waphendula: “Yintonga.” Ngale ntonga uYehova wabonisa igunya kunye nothumo amnike lona uMoses. (Eksodus 4:5) UThixo wayevuya xa wayesebenzisa eli gunya ukuze amzukise, kodwa xa wazizukisayo engxolisa abazalwana bakhe, njengoko wenzayo “eMeribha,” uYehova wacaphuka.—Numeri 20:9-13.

UMzalwan’ uGriffin wathelekisa le ntonga kaMoses kunye nolu qeqesho balufumene eGiliyadi, ebabongoza ukuba bangasebenzisi olu qeqesho ukuze babe negunya phezu kwabanye abazalwana. Endaweni yoko wathi: “Sebenzisani olu qeqesho ukuze nizukise uYehova, kwaye niya kusoloko niyintsikelelo kwabanye.”

“Khumbulani Imana.” UStephen Lett weQumrhu Elilawulayo wathetha ngezi zifundo zine esinokuzifunda kwimana uThixo awayeyenzele amaSirayeli entlango.

  • Qhubekani nisebenza ngamandla. (Numeri 11:8) Ukuze angenelwe kwimana, amaSirayeli kwakufuneka akhawuleze ayiqokelele ukuze enze ukutya ngayo.​—Eksodus 16:21.

  • Ningaze niwakhalazele amalungiselelo kaYehova. (Numeri 11:5, 6) Xa amaSirayeli akhalazela imana, kwaba ngathi akhalazela uThixo ngokwakhe. Kanye njengemana, ukutya kokomoya esikufumanayo akusoloko kumnandi kodwa kuyasondla. Masihlale siwaxabisa amalungiselelo kaYehova.

  • Qinisekani ukuba uYehova uya kunixhasa. UThixo wayewanika imana yonke imihla, aze awanike ephindwe kabini ngosuku olungaphambi kweSabatha. (Eksodus 16:22-​26) Ngokufanayo, siqinisekile ukuba uThixo uya kusinika konke esikudingayo.​—Mateyu 6:11.

  • Umntu ongathobeliyo akasoze asikelelwe. (Eksodus 16:19, 20, 25-​28) AmaSirayeli awayezama ukuqokelela imana ngeSabatha ayexabana noYehova yaye nabo babeqokelela eninzi ukuze bayitye ngengomso, babefika inyuquzela iimpethu yaye inuka.

UMzalwan’ uLett wabongoza abafundi ukuba bakhumbule izifundo esizifunda kwimana, kuba uYehova uya ‘kubavulela amasango ezikhukula emazulwini aze okunene aqongqothele phezu kwabo intsikelelo kude kungasweleki nto.’—Malaki 3:​10.

“Lungiselelani Ukuphila Kwihlabathi Elitsha.” UWilliam Samuelson, umveleli weSebe leZikolo Zobuthixo, wathi nangona sikufuna ukuphila kwihlabathi elitsha, eyona nto ibalulekileyo kukulungiselela kwangoku ukuphila apho. Oku kufuna sibe “ngabaphilileyo engqondweni.”​—1 Petros 4:7.

Sibonisa ukuba siphilile engqondweni kwindlela esizijonga ngayo iintsilelo zethu. Asimele sityhole uSathana okanye ihlabathi lakhe ngazo zonke iimpazamo zethu, mhlawumbi sicinge ukuba siya kuzilungisa kwihlabathi elitsha emva kokuba uThixo ephelise zonke izinto ezimbi. Okwangoku, sinako ukulwisana neempawu ezimbi esinazo, njengokungabacingeli abanye, ‘ngokwambatha ubuntu obutsha.’​—Efese 4:​24.

“Yekani Ukubhala.” UMark Noumair, ofundisa kwisikolo saseGiliyadi, wasebenzisa umzekelo wokubhala ebonisa indlela abantu abathanda ngayo ukuzibhalela indlela abafuna ukuphila ngayo ezintliziyweni zabo. Siyayeka ukubhala xa sivumela uYehova akhokele indlela esizenza ngayo izinto.

Sinomzekelo osisilumkiso kaKumkani uSawule. Xa wayeqalisa ulawulo lwakhe wayeyindoda ethobekileyo nethozamileyo. (1 Samuweli 10:22, 27; 11:13) Kungekudala, wayesenza izinto ngendlela afuna ngayo yaye ezizukisa. UThixo wamgatya ngenxa yokungathobeli kwakhe.​—1 Samuweli 14:24; 15:10, 11.

Nangona beqale kakuhle, uMzalwan’ uNoumair wakhumbuza abafundi ukuba bamele baqhubeke besenza umsebenzi kaThixo ngendlela yakhe. Wabongoza abafundi wathi: “Kulumkeleni ukucinga ukuba ukusetyenziswa nguThixo kuthetha ukuba uyakholiswa nini.” Ngokomzekelo, uMoses akazange ayilandele imiyalelo kaThixo xa wakhupha amanzi ngommangaliso eliweni. Aphuma amanzi, kodwa akazange asikelelwe nguYehova.​—Numeri 20:​7-​12.

“Ukuxelisa Ilizwi Elikhulu Lengelosi Ephaphazela Esazulwini Sezulu.” USam Roberson, ofundisa kwesi sikolo wasekela intetho yakhe kwiSityhilelo 14:​6, 7. Waye wacela abafundi balinganise oko bekusenzeka xa bebeshumayela. Ngokomzekelo, ngoxa wayelele esibedlele emva kotyando, omnye umfundi washumayela kumongikazi. Lo mongikazi wayesuka ePeru, ngoko ke waqalisa incoko ngokumbonisa umfanekiso womsebenzi wokushumayela eChachapoyas, ePeru, kwi-jw.org. Oku kwakhokelela ekubeni yena nomyeni wakhe bafundiswe iBhayibhile.

“Undiqhathile . . . Ndaza Ndaqhatheka.” (Yeremiya 20:7) UAllen Shuster, ilungu leKomiti yeSebe laseUnited States, wadlan’ indlebe nezibini ezitshatileyo ezimbini. Abafundi babevakalelwa kukuba ‘babeqhathiwe’ nguYehova. Njani? Babengaqinisekanga ukuba bangakwazi ukumelana nomsebenzi wesi sikolo. Bothuswa luncedo abalufumanayo, batsho bakwazi ukumelana nomsebenzi. UDade Marianne Aronsson wathi xa echaza umbulelo anawo ngoqeqesho alufumene kwesi sikolo: “Andisoze ndibe nengxaki yokungayazi into endimele ndiyifunde​—Ndiyazi ngoku ukuba ivesi nganye yeBhayibhile ixabisekile.”

“Xelisani Ukholo Lwabo.” UDavid Splane, weQumrhu Elilawulayo, wanikela intetho eluvutho-ndaba enomxolo osekelwe kumaHebhere 13:7 athi: “Bakhumbuleni abo bakhokelayo phakathi kwenu, abaye bathetha ilizwi likaThixo kuni, yaye njengoko nisondela impumelelo yehambo yabo xelisani ukholo lwabo.” Abo ‘babekhokela’ kumsebenzi wamaNgqina kaYehova kwiminyaka eyi-70 eyadlulayo balubonisa njani ukholo?

NgoSeptemba 24, 1942, uNathan Knorr waba nentlanganiso kunye nabalawuli bemibutho emibini yamaNgqina kaYehova yaye wacebisa ukuba kuqaliswe isikolo esitsha​—iGiliyadi​—apho kwakuza kuqeqeshwa khona abashumayeli ukuze bakhokele kumsebenzi wokushumayela kwiindawo ezintsha. Kodwa kwakubonakala ngathi iimeko azivumi ukuba kuqaliswe esi sikolo. Kwakugquba Imfazwe Yehlabathi Yesibini, eyayibangela kube nzima ukuthumela abashumayeli kwamanye amazwe. Ngaphezu koko, ngeminyaka yee-1930 imeko yezoqoqosho ehlabathini yayiwohlokile yaye imali eyayikho entlanganweni ngelo xesha yayanele ukuxhasa esi sikolo iminyaka nje emihlanu. Sekunjalo, abo bazalwana babonisa ukholo ngokuvumelana ngamxhelo-mnye ukuba esi sikolo siqaliswe.

Abo babephumelele kwiiklasi zokuqala zaseGiliyadi babonisa ukholo olunokuxeliswa. Bafunda ukwaneliseka zizinto abanazo baza abathi phithi yimali. (Hebhere 13:​5, 6) Abaninzi babecinga ukuba abasoze baphinde bazibone iintsapho zabo kuba zazingenayo imali yokubakhwelisa baye kubabona. Uninzi lwabo aluzange luzibone iintsapho zabo kangangeminyaka eyi-10 okanye eyi-15 emva kokuba beye kwizabelo zabo. Babeqinisekile ukuba uYesu wayeza kuqhubeka ebaxhasa bona neentsapho zabo kanye njengokuba wayesoloko esenza.​—Hebhere 13:8.

Iklasi yokuqala yaseGiliyadi, 1943

Emva kokubalisa ngamava abanye ababekhonza kwizabelo ezinzima kwamanye amazwe ngaphambi kokuya kwabo eGiliyadi, uMzalwan’ uSplane wathi kubafundi: “Nina mlisela nani mthinjana niqhubela phambili nembali entle yeminyaka eyi-70 yamadoda nabafazi ababeqeqeshwe kwiSikolo saseGiliyadi. . . . Mkhonzeni ninovuyo uYehova nokuba niphi na.”

UMzalwan’ uSplane waqukumbela intetho yakhe ngevidiyo enemifanekiso yabantu abayi-77 ababephumelele kwesi sikolo, ngoku abakhonza kwisebe lamaNgqina kaYehova laseUnited States, kuquka ababini abaphumelela kwiklasi yokuqala ngo-1943. Le vidiyo yayineengoma ebezisetyenziswa ngamaNgqina kaYehova kunqulo lwawo kule minyaka iyi-70 idluleyo.

Emva kokuba abafundi befumene iidiploma zabo, omnye wabo wafunda ileta yokubulela evela kwiklasi. UMzalwan’ uSanderson waqukumbela eli theko ngokukhumbuza abafundi ukuba amazwi awathethwa nguMzalwan uKnorr kwiklasi yokuqala yaseGiliyadi asabalulekile nangona sele kudlule iminyaka eyi-70 wawathethayo: “Nokuba nithunyelwe phi na, ningaze nilibale ukuba. . . ningabashumayeli boBukumkani; yaye ukushumayela iindaba ezilungileyo ngoku, ngaphambi kweArmagedon, lelona lungelo likhulu elakha lanikwa nabani na kulo mhlaba.  . . Logama usenelungelo lokushumayela, shumayela.”