Yiya kwinkcazelo

Itheko Leklasi Ye-135 YeSikolo SeBhayibhile SeWatchtower SaseGiliyadi

Itheko Leklasi Ye-135 YeSikolo SeBhayibhile SeWatchtower SaseGiliyadi

NgoSeptemba 14, 2013 abantu abamalunga nabayi-10 500 bebeye kwitheko leklasi ye-135 yeSikolo seBhayibhile seWatchtower saseGiliyadi kwiziko lemfundo lamaNgqina kaYehova ePatterson, eNew York. Esi sikolo siqeqesha amaNgqina kaYehova anamava ukuba aphumelele ngakumbi kwizabelo zawo.

Amazwi okuvula kaGuy Pierce, ilungu leQumrhu Elilawulayo lamaNgqina kaYehova nowayengusihlalo weli theko, ayesekelwe kuMateyu 28:19, 20 othi: “Hambani ke ngoko niye kubenza abafundi abantu beentlanga zonke, . . . nibafundisa ukuba bazigcine zonke izinto endiniyalele zona.”

UMzalwan’ uPierce wabalaselisa ukuba la mazwi kaYesu awakaphelelwa nanamhlanje. Njengoko sisenza abafundi, sifundisa abantu ukuba benze konke oko kwakuyalelwe nguYesu. Kakade ke, oku kuquka umyalelo wokushumayela ‘ngeendaba ezilungileyo zobukumkani.’ (Mateyu 24:14) Ngale ndlela, mfundi ngamnye omtsha ushumayela aze afundise ngoBukumkani. Uba yintoni umphumo woko? UMzalwan’ uPierce wathi: “Abantu bandile [emhlabeni] ibe kunjalo nangabantu bakaThixo.”

“Banikela Ngaphezu Kwamandla Abo.” UThomas Cheiky, ilungu leKomiti yeSebe yaseUnited States, wanikela intetho enomxholo osekelwe kweye-2 kwabaseKorinte 8:​1-4. Phezu kwako nje ukuhlwempuzeka, amabandla aseMakedoni enkulungwane yokuqala anikela kubazalwana baseYerusalem ababedinga uncedo. Abafundi baseGiliyadi babonise umoya ofanayo wokuba nesisa nokuzincama.

Kwangaxeshanye, sinokuqiniseka ukuba abantu baseMakedoni babelumkile, babenganikeli ngento yonke ze intsapho zabo zisale zingenanto okanye oko kuchaphazele ukunqula kwabo uThixo. UMzalwan’ uCheiky wacebisa abafundi ukuba baxelise abantu baseMakedoni ngokuba balungelelane xa besipha.

“ISikolo Siphelile.” USamuel Herd weQumrhu Elilawulayo wabalaselisa isizathu sokuba abafundi befanele bawakhumbule amava abo eSikolo saseGiliyadi. Njengengoma emnandi etsho ngentseni nehlala inkenteza ebudeni bemini, iinkumbulo ezimnandi zaseGiliyadi zinokunceda abafundi bahlale bomelele nasemva kokuba isikolo siphelile.

UMzalwan’ uHerd wakhumbuza abafundi ukuba inkumbulo kaThixo ayinakuthelekiswa nanto. Kukho iinkwenkwezi eziziibhiliyoni ngeebhiliyoni, uThixo uzazi zonke ngamagama ibe akanakuze azilibale. (INdumiso 147:4) Ngokuqinisekileyo uyayikhumbula imigudu eyenziwe ngabafundi ngoxa bebeqeqeshwa eGiliyadi! Baziqwebele “ubuncwane ezulwini,” ibe akukho mntu unokuziba iinkumbulo ezimnandi uYehova anazo ngaba bafundi.​—Mateyu 6:20.

Ekubeni uThixo ewukhumbula umsebenzi nothando abanalo abafundi ngaye, bamele bazixabise izinto abaza kuzikhumbula ngeGiliyadi. UMzalwan’ uHerd wathi: “Xa nikhumbula izinto ezintle ezenzeke esikolweni, ze ningalibali ukubulela oyena Mntu unenza nivuye​—uYehova. Qhubekani nizikhumbula izinto enizifunde esikolweni ibe niza kuncedakala ngokwenjenjalo.”

“Thuthuzelwa Ngamandla Angenakuchazwa KaYehova.” Umhlohli waseGiliyadi uSam Roberson wakhuthaza abafundi ukuba baxhomekeke kumandla kaYehova kunokuba bajamelane neengxaki ngamandla abo. AmaEfese 3:​20 athi uThixo unako “ukwenza ngaphezu koko sikucelayo nesikuthelekelelayo.” Amandla akhe makhulu gqitha kangangokuba ibinzana elithi “ngaphezu koko sikucelayo nesikuthelekelelayo” aliwachazi kakuhle kuba le vesi ibonisa ukuba unokwenza “ngaphezu koko.”

UYehova unika mKristu ngamnye amandla angenakuchazwa. ‘Unjengalowo unamandla ngokunkwantyisayo’ okanye ‘igorha elomeleleyo’ ngexesha lobunzima. (Yeremiya 20:11; iBhayibhile YesiXhosa Ka-1996) UMzalwan’ uRoberson wakhumbuza abafundi ukuba uYehova uza kubanceda bajamelane naziphi na iingxaki okanye ubunzima abaza kudibana nabo.

“Qhubekani Ninesidima Kumsebenzi Wokushumayela NgoBukumkani.” UWilliam Samuelson, okwangumhlohli waseGiliyadi, wachaza ukuba abafundi baseGiliyadi bafumana isidima kumsebenzi wabo wokushumayela ngoBukumkani ngeendlela ezimbini. Bazingqine befanelwe sisidima ngomsebenzi abawenze ngaphambi nasebudeni beklasi, ibe basaqhubeka befumana isidima ngokumela kwabo oyena rhulumente mkhulu kwindalo yonke​—uBukumkani bukaThixo.

Abafundi bangahlala njani benesidima? UMzalwan’ uSamuelson wabakhuthaza ukuba bafune ukuzukiswa nguYehova baze babahloniphe abanye, kanye njengokuba uYesu wabaphatha ngesidima abo basondele kuye kwanaxa kwakufuneka ebalulekile. Oko kuya kuphumela entweni? Njengompostile uPawulos, abafundi baya kuba nesidima ngakumbi ibe baya kuzukisa ubulungiseleli babo kunokuba baleqe ukuzizukisa.​—Roma 11:13.

“Igunya Lala Mahashe Lisemilonyeni Yawo.” UMichael Burnett, omnye umhlohli waseGiliyadi, wabonisa indlela esisizalisekisa ngayo iSityhilelo 9:​19 xa sisebenzisa oko sikufunde kwiintlanganiso zamaKristu ukuze sithethe ngegunya xa sishumayela. Emva koko wadlan’ indlebe nabafundi ibe babebalisa amava abaye bawavuyela entsimini ngoxa beseGiliyadi. Ngokomzekelo, omnye umfundi wavuselela umdla kumntu osebenza egaraji ngokubuza lo mbuzo, “Aqala aza aphela nini amaxesha eentlanga amisiweyo?” (Luka 21:24) Xa ephinda emtyelela, wayiphendula le ndoda esebenzisa uDaniyeli isahluko 4, kunye nesihlomelo sencwadi ethi Yintoni Ngokwenene Efundiswa YiBhayibhile?

“Iintliziyo Zabo Ziqinisiwe.” UAdrian Fernandez, ilungu leKomiti yeSebe yaseUnited States wadlan’ indlebe nezinye izibini ezitshatileyo eziphumelele kule klasi. UMzalwan’ uHelge Schumi wabalisa ukuba ingxelo yeBhayibhile ibonisa ukuba abanye abakhonzi bakaThixo babeziphakamisa maxa wambi ngenxa yokufumana ilungelo elikhethekileyo, kodwa abafundi baseGiliyadi bafundiswe ukuba bathobeke. (2 Kronike 26:16) Ngokufanayo, uMzalwan’ uPeter Canning ukhumbula icebiso elihle abalifumene kwintetho eyanikelwa eGiliyadi lokufunda ulwimi olusetyenziswa ekuhlaleni elithi: “Sukuziphakamisa. Kulungele ukuzihleka.” Bobane aba bafundi baphumelele kule klasi bebenombulelo ngendlela esi sikolo esiye sabomeleza ngayo ukuze balungele umsebenzi abaseza kuwenza, iintliziyo zabo ziqinisiwe.​—Hebhere 13:9.

“Yibani Nemihlali Ngenxa Yokuba Amagama Enu Ebhaliwe Emazulwini.” (Luka 10:20) UGeoffrey Jackson weQumrhu Elilawulayo wanikela intetho engumxholo kolu cwangciso. Ngokungafaniyo nabanye abakhe beza eGiliyadi, uninzi lwabaphumeleleyo abazi kufumana izabelo ezitsha okanye bafumane amava amnandi okusebenza kwintsimi engazange yasetyenzwa. Bafanele basabele njani?

Xa abafundi abayi-70 ababethunywe nguYesu babevela kushumayela, beza neendaba ezimnandi zokuba bakhuphe iidemon egameni likaYesu. (Luka 10:1, 17) UYesu wayesazi ukuba ezo yayiziindaba ezimnandi kodwa wathi: “Noko ke, musani ukuba nemihlali ngenxa yoku, kuba oomoya benithobela, kodwa yibani nemihlali ngenxa yokuba amagama enu ebhaliwe emazulwini.” (Luka 10:20) Wabonisa ukuba abazi kuba namava amnandi suku ngalunye. Abafanele bajonge phambili kwimiphumo abaza kuyifumana kodwa ekunyanisekeni kwabo kuYehova ‘nasekubhalweni kwamagama abo ezulwini.’

UMzalwan’ uJackson wathi: “Oko uYesu wakufundisa abafundi abayi-70 kuyasebenza nakuthi.” Imiphumo esiyifumana entsimini ayimele ibe yiyo kuphela esizisela uvuyo okanye engqina ukunyaniseka kwethu. Kunoko, sifumana uvuyo size sizingqine sinyanisekile xa sigcina ubuhlobo bethu noYehova bomelele size sizibhokoxe ekushumayeleni.

KwanoYesu wajamelana neemeko ezazinokumtyhafisa. Ngokomzekelo, emva kokuba ondle izihlwele ngokungummangaliso, zaqalisa ukumlandela. (Yohane 6:10-14, 22-24) Sekunjalo, uninzi lwabo lwakhutyekiswa yimfundiso yakhe, baza aba bafundi batsha bangamawaka bamshiya. (Yohane 6:48-56, 60, 61, 66) Ngokwahlukileyo koko, abapostile abanyanisekileyo bazimisela ukunamathela kuYesu. Baba ngumzekelo omhle ngokujonga phambili kungekhona nje kwimiphumo kodwa nakubuhlobo babo noYehova.​—Yohane 6:67-69.

Ekugqibeleni. Abafundi banikwa iidiploma zabo, ibe emva koko omnye kubafundi wafunda ileta yombulelo esuka kwiklasi. UMzalwan’ uPierce waqukumbela ngokubonisa ukuba abantu bakaThixo, kuquka nabo baseGiliyadi bayafana nje nabanye abantu. (IZenzo 4:13; 1 Korinte 1:27-31) Sekunjalo, uYehova uyayamkela inkonzo yethu ibe usinika umoya oyingcwele. Eyona nto uYehova ayixabisileyo kuthi asiyomfundo, kodwa uMzalwan’ uPierce wathi, “Kukuthembeka, kukunyaniseka nokuzinikela kwethu.”