Yiya kwinkcazelo

AmaNgqina KaYehova

‘Ukutya Ngexesha Elifanelekileyo’

AmaNgqina KaYehova

Abantu abangamawaka-waka babephulaphule iingxelo ezikhuthazayo nengxubusho ebangel’ umdla kaMateyu 24:45-47 kwintlanganiso yonyaka ye-128 yeWatch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania.

 

Ngo-Oktobha 6, 2012, abantu abaphantse babeyi-5 000 babehlanganisene ukuze baphulaphule ucwangciso kwiHolo yeNdibano yamaNgqina kaYehova eJersey City, eNew Jersey, eUnited States. Abangaphezu kwe-10 000 babebukele kumabonwakude kwizakhiwo zaseBrooklyn, ePatterson eWallkill, eNew York, nakwisebe lethu eliseKhanada.

 

UAnthony Morris, ilungu leQumrhu Elilawulayo lamaNgqina kaYehova nokwangusihlalo wale ntlanganiso, wenza impinda yeentlanganiso zeminyaka edluleyo neyayisakha kwaye iyimbalasane. Ababekho babesazi ukuba nocwangciso lwalo nyaka lwaluza kuba lukhuthazo. Kodwa babezibuza, ‘Ngaba nolu ucwangciso lwaluza kuba yimbalasane?’

 

Kwadlalwa iividiyo ezimbini ezazibonisa imisebenzi eyenziwa ngamaNgqina ehlabathini lonke.

 

Ukwakhiwa KweeHolo ZoBukumkani:

Le vidiyo yayibalaselisa ukuphumelela komsebenzi wokwakhiwa kweeHolo zoBukumkani kumazwe angathathi-ntweni. Kule minyaka iyi-13 idluleyo, amaQela Okwakha IiHolo ZoBukumkani akuloo mazwe aye akha iiHolo ZoBukumkani eziyi-25 402—umlinganiselo weeHolo zoBukumkani ezingaphezu kwezintlanu ngemini. Ezo Holo zoBukumkani zakhiwe kusetyenziswa iminikelo yamaNgqina asehlabathini lonke. Ukongezelela, xa kusehla intlekele yemvelo, la maqela angamachule, akhawuleza aye kunceda amaxhoba ngokuwalungisela okanye awakhele iiHolo zoBukumkani nemizi yawo.

 

Iindibano Ezikhethekileyo:

Ngo-2012, amaNgqina kaYehova ebeneendibano ezikhethekileyo ezineendwendwe ezisuka phesheya. Zahluke njani ezi ndibano kwezo zezizwe ngezizwe zeminyaka edluleyo?

 

Le vidiyo yabonisa ukuba ebudeni beveki yendibano, iindwendwe zalungiselelwa iindawo zokuhlala, izithuthi nesidlo sasemini yiofisi yesebe kungekhona iinkampani zokhenketho. Zimalunga ne-1 500 iindwendwe ezisuka phesheya ezaya kwindibano nganye.

 

Ezi ndwendwe kunye namaNgqina asekuhlaleni zafumana ithuba elaneleyo lokwazana, kungekuphela nje endibanweni kodwa kwanaxa zazibuka indawo, zisitya yaye zishumayela. Ividiyo yayinengxelo yokuba, “kuzo zonke ezi ndibano zikhethekileyo uthando, lungumxokelelwane ogqibeleleyo womanyano.”

 

Bavuya gqitha ababekho bakuva ukuba amaNgqina kaYehova aza kuba neendibano ezikhethekileyo nyaka ngamnye kwizixeko ezithile ehlabathini lonke!

 

Ezinye iimbalasane zentlanganiso yonyaka:

 

Udliwano-ndlebe:

Amalungu eKomiti yeSebe amathathu namakhosikazi awo, aneminyaka eyi-342 idibene ekwinkonzo yexesha elizeleyo, abalisa ngendlela uYehova uThixo aye wawaqeqesha ngayo ukuze aphumeze izabelo ezininzi ezahlukahlukeneyo.

 

URichard Kelsey, weKomiti yeSebe yaseJamani, wathi iSikolo Samalungu EeKomiti ZamaSebe Namakhosikazi Awo, samfundisa “ukulandela ulwalathiso lukaYehova ngalo lonke ixesha.” UYehova nguBawo onothando osinqwenelela okuhle. UMzalwan’ uKelsey wathi: “Ufuna siphile ngonaphakade yaye wenza yonke into ukuze asinyamekele.” Isikolo safundisa amalungu eeKomiti zamaSebe ukuba alandele umzekelo kaYehova wothando.

 

Xa uLinda Johansson wamenywa ukuba aye kwiSikolo SeBhayibhile SeWatchtower SaseGiliyadi ngo-1958, wayeneminyaka emibini enesiqingatha ebhaptiziwe yaye enonyaka etshatile. UDade Johansson wathi: “Ndandikwiklasi enabazalwana abaqolileyo nabanamava kunam. Ndandimane ndizitsweba ndisithi andifanelanga ukuba kule klasi.”

 

Sekunjalo, uDade Johansson wanyamezela yaye emva kokuba bephumelele yena nomyeni wakhe bamiselwa njengabathunywa bevangeli eMalawi. Emva kokuchaswa ngokukrakra kwamaNgqina kaYehova kwelo lizwe, wafunda iBhayibhile nomphathiswa waseburhulumenteni owayekade ewuchasa umsebenzi wamaNgqina. Sithethanje, inkosikazi, unyana nentombi yalo mphathiswa bangamaNgqina abhaptiziweyo.

 

Ukushumayela Esidlangalaleni:

Abane kwabaphumelele kwiSikolo SeBhayibhile Sezibini EzingamaKristu nomveleli ohambahambayo wamaNgqina kaYehova oseNew York babalisa ngamava emigudu abayenzileyo ukuze bashumayele kwimimandla enezixeko ezikhulu.

 

Kwizixeko ezinabantu abaninzi, amaNgqina kaYehova akwinkonzo yexesha elizeleyo abeka iitafile neenqwelo ezincinci ezineencwadi ezisekelwe eBhayibhileni. Abantu abadlulayo babezicelela iimpapasho, babuze imibuzo yeBhayibhile bacele nokufundelwa iBhayibhile.

 

AmaNgqina akwezinye iinxalenye zesiXeko saseNew York, eChicago naseLos Angeles, bazama le ndlela yokushumayela. Ngonyaka nje omnye, abantu abayi-2 700 abaza kwezi tafile bazicelela isifundo seBhayibhile.

 

Ikwayara Yabantwana:

Phantse wonke umntu owayelapho wayentywizisa xa abantwana abayi-17 bacula ingoma ethi “Phulaphula, Uthobele, Uze Usikelelwe” kwiculo elithi Culela UYehova (INgoma 120)

Kwalandela ungcelele lweentetho ezintandathu ezazinikelwa ngamalungu eQumrhu Elilawulayo​—uMzalwan’ uJackson, uLösch, uPierce, uHerd, uLett noSplane​—bachaza baza baxubusha ngoko kuthethwa ngamazwi kaYesu akuMateyu 24:45-47. UYesu wathi:

 

“Ngubani ngokwenene olikhoboka elithembekileyo neliyingqondi ethe inkosi yalo yalimisela phezu kwempahla yendlu yayo, ukuze liyinike ukutya kwayo ngexesha elifanelekileyo? Linoyolo elo khoboka ukuba inkosi yalo yakufika ilifumana lisenjenjalo! Inene ndithi kuni, iya kulimisela phezu kwayo yonke impahla yayo.”

 

Ungcelele lwaphendula le mibuzo ilandelayo:

 

UYesu Walimisela Nini ‘Ikhoboka Elithembekileyo Neliyingqondi’ Phezu Kwabendlu Yakhe?

Hlola intsingiselo yamazwi kaYesu kuMateyu isahluko 24. Zonke ezi ndinyana zidweliswe apha zazimele zizaliseke ebudeni bobukho bukaKristu, ‘ekuphelisweni kwenkqubo yezinto.’—Indinyana 3.

 

  • ‘Imbandezelo yaloo mihla.’—Indinyana 29.

  • “Esi sizukulwana.”—Indinyana 34.

  • “Loo mhla nelo lixa.”—Indinyana 36.

  • “Umhla eza ngawo iNkosi.”—Indinyana 42.

  • “UNyana womntu uza ngelixa eningacinganga ukuba lilo.”—Indinyana 44.

 

Ngoko, licacile elokuba, ‘ikhoboka elithembekileyo neliyingqondi’ lifanele ukuba lavela emva kobukho bukaKristu, ekuqaleni ko-1914.

 

Ukongezelela, uYesu wabonisa ukuba eli ‘khoboka’ laliza kuvela kanye xa abantu bebuzana umbuzo otshis’ ibunzi othi: “Ngubani ngokwenene olikhoboka elithembekileyo neliyingqondi?” Abapostile bakaYesu babenesipho somoya oyingcwele, ngoko ngenkulungwane yokuqala yeXesha Eliqhelekileyo sasingekho isizathu sokuwubuza lo mbuzo. (1 Korinte 14:12, 24, 25) Nangona babethanjiswe ngomoya oyingcwele, abapostile namanye amaKristu enkulungwane yokuqala ayengelilo ‘ikhoboka elithembekileyo neliyingqondi uYesu aprofeta ngalo.

 

Ngoko, kusengqiqweni ukufikelela kwisigqibo sokuba uYesu wamisela ‘ikhoboka elithembekileyo neliyingqondi’ phezu “kwempahla yendlu yakhe” ebudeni bobukho bakhe, ‘ekuphelisweni kwenkqubo yezinto.’

 

“Ngubani Ngokwenene Olikhoboka Elithembekileyo Neliyingqondi?”

UYesu wayengathethi ngomntu omnye kodwa wayebhekisela kwiqela elibumba ‘ikhoboka’—abantu abasebenza kunye njengequmrhu. UYesu wathi ikhoboka (1) limiselwe ukuze liphathe “phezu kwempahla yendlu yayo [inkosi]” lize (2) linike abendlu ‘ukutya kokomoya ngexesha elifanelekileyo.’

 

Ukususela ngo-1919 bekusoloko kukho iqela elincinane lamaKristu athanjisiweyo kwikomkhulu lamaNgqina kaYehova. Liye longamela umsebenzi wokushumayela owenziwa ehlabathini lonke yaye liye labandakanyeka ekulungiseleleni nasekusasazeni ukutya kokomoya. Kwiminyaka yakutshanje, elo qela liye laziwa njengeQumrhu Elilawulayo lamaNgqina kaYehova.

 

Ubungqina benza sifikelele kwesi sigqibo silandelayo: ‘Ikhoboka elithembekileyo neliyingqondi’ lamiselwa phezu kwempahla yendlu kaYesu ngo-1919. Elo khoboka liqela elincinane labazalwana abathanjisiweyo abakhonza bekwikomkhulu ebudeni bobukho bukaKristu ababandakanyekileyo ekulungiseleleni nasekusasazeni ukutya kokomoya. Xa eli qela lisebenza kunye njengeQumrhu Elilawulayo, ‘lilikhoboka elithembekileyo neliyingqondi.’

 

Ngoobani ‘Impahla Yendlu’?

UYesu wathi ‘impahla yendlu yakhe’ yayiya kufumana ‘ukutya ngexesha elifanelekileyo.’ Bonke abalandeli bokwenene bakaYesu bondliwa ‘likhoboka elithembekileyo neliyingqondi.’ Ngoko, bonke abafundi bakaKristu—mKristu ngamnye othanjisiweyo kunye namalungu ‘ezinye izimvu’—‘yimpahla yendlu yakhe.’—Yohane 10:16.

 

Emva kokuba isithethi sithethe ngale nkalo yesiprofeto sikaYesu, kwatsho intswahla yezandla. Kamva abaninzi kwababekho babonisa uxabiso kuba uYesu ebajonga ‘njengempahla yendlu yakhe.’

 

UYesu Ulimisela Nini Ikhoboka ‘Phezu Kwayo Yonke Impahla Yakhe’?

UYesu wathi “inkosi yalo yakufika” iya kulimisela ikhoboka “phezu kwayo yonke impahla yayo.” Iza kufika nini iNkosi, uYesu?

 

Igama elithi “yakufika” lihambelana nelesiGrike elithi erʹkho·mai. Kwindinyana 42 neye-44 yesahluko 24 igama elithi erʹkho·mai liguqulelwa ngokuba ‘uyeza.’ Kwezo ndinyana, uYesu ubhekisela ekuzeni kwakhe njengoMgwebi ebudeni bembandezelo enkulu.​—Mateyu 24:30; 25:31, 32.

 

Ngoko, ukumisela kukaYesu ‘ikhoboka’ phezu ‘kwempahla’ yakhe kufanele ukuba kuseza kwenzeka. Uya kulimisela ebudeni bembandezelo enkulu.

 

Yintoni “Impahla” KaYesu?

UYesu wathi: “Linikwe mna lonke igunya ezulwini nasemhlabeni.” (Mateyu 28:18) “Impahla” kaYesu ayipheleli nje kwizinto ezisemhlabeni. Iquka uBukumkani bukaMesiya.—Filipi 2:9-11.

 

Noko ke uYesu uza kuvuza lungu ngalinye ‘lekhoboka elithembekileyo neliyingqondi’ ngokulivusela ezulwini nangokulinika igunya lokulawula yonke impahla kaKristu ezulwini nasemhlabeni. Onke amaKristu athanjisiweyo anomvuzo ofanayo.—Luka 22:28-30; ISityhilelo 20:6.

 

Intetho yokugqibela yongcelele yayinesaziso esikhethekileyo. Emva kokuba efunde amazwi aqinisekisayo kaYesu kuMateyu 28:20, uMzalwan’ uSplane wathi: “Sinesinye isizathu sokungagungqi. Eso sizathu sikumxholo wonyaka ka-2013. Uthini? UYoshuwa 1:9 uthi: ‘Yiba nesibindi womelele. . . . uYehova uThixo wakho unawe.’”

 

Xa equkumbela, uMzalwan’ uMorris wabuza: “Kuza kwenzeka ntoni kulo nyaka uzayo? Intlanganiso yonyaka ozayo, elungiselelwe ukuba ibe ngo-Oktobha 5, 2013, iza kubukelwa kumabonwakude kwiiHolo zeeNdibano ezithile eUnited States nakwamanye amazwe athetha isiNgesi.”

 

Olu cwangciso luza kuba ngesiNgesi kuphela. Aluzi kutolikwa.

 

Emva kocwangciso obelulukhuthazo nolube yimbalasane, abebekho bacula ngehlombe ingoma ethi “Kuya Kukhanya Ngokukhanya” (Ingoma 116) kwiculo elithi Culela UYehova. Amazwi ayo aquka amazwi afanelekileyo athi:

 

“INkosi imisele ikhoboka,

Ukuze lisinyamekele.

Inyaniso eliyifundisayo

Iya ikhanya ngokukhanya.

Ngoku umendo wethu uyakhanya.”