Intlanganiso Eyabukelwa Nge-Intanethi Ehlabathini Lonke
NgoMgqibelo, ngo-Oktobha 5, 2013 kwakukho abantu abayi-257 294 ababephulaphule, abanye abasuka kumazwe ayi-21 babephulaphule ngeIntanethi intlanganiso yonyaka ye-129 yeWatch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania. Amanye amaNgqina ongezelelekileyo aphinda adlalelwa olo cwangciso ngasekupheleni kwaloo mpelaveki. Bebonke abayibukelayo bayi-1 413 676 kumazwe ayi-31. Le ntlanganiso yamaNgqina kaYehova yalo nyaka yeyona ibinkulu xa ithelekiswa nocwangciso olukhethekileyo obeluseMexico nakuMbindi Merika ngoAprili 28, 2013 obelunabantu abayi-1 327 704.
Ukususela ngeminyaka yee-1920, amaNgqina kaYehova ebesasaza iindibano zawo ngeefowuni nangoonomathotholo ehlabathini lonke. Ngoku i-Intanethi ibangela ukuba nabantu abakwiindawo ezisemagqagaleni babone okanye beve ucwangciso ngoko nangoko okanye kamsinya nje emva kokuba luphelile. Ngo-1942, uWilliam, oliNgqina likaYehova eUnited States, waluphulaphula efowunini ucwangciso eRichmond, eVirginia. Ethelekisa oko nentlanganiso yalo nyaka, uthi: “Kuninzi okufumanayo kucwangciso xa umbona umntu othethayo. Alunakuthelekiswa nanto.”
Amalungu eeofisi zamasebe ezahlukahlukeneyo zamaNgqina kaYehova asebenze ngaphezu konyaka elungiselela ukusasazwa kwale ntlanganiso ngeIntanethi, ngaloo ndlela enikela ngexesha lawo elininzi. Ngempelaveki yokusasazwa kwale ntlanganiso, iingcali zazilungiselela ucwangciso eBrooklyn, eNew York ibe zasebenza imini nobusuku bayo kuba olu cwangciso lwaluboniswa kwiindawo eziyi-15 ezinamaxesha ahlukahlukeneyo. URyan, owayesemaqhosheni wathi: “Zange sibuthi cwe ubuthongo, kodwa xa sicinga ngabantu abaninzi ababeza kungenelwa kolu cwangciso sasisithi sifanele ukungalali.”