AmaNgqina KaYehova Enza Ntle IRostov-on-Don
NgoMeyi 20, 2015, umphathi kumzantsi wesixeko esikhulu saseRashiya, iRostov-on-Don, wabhalela amaNgqina KaYehova ileta ewancoma “ngokusenza sihle isixeko.”
Ukuze enze ntle iRostov-on-Don, amaNgqina KaYehova asuka kumabandla amane aqokelela inkunkuma. Kwiiyure nje ezimbalwa, azalisa iiplastiki ezimalunga neziyi-300, ibe kamva zayolahlwa ziilori.
Kwakutheni ukuze amaNgqina akufune kangaka ukunceda? URaisa ona-67 uthi: Andikwazi ukuhlala. Ndifuna isixeko endihlala kuso sicoceke ukuze abantu bahlale kwindawo ecocekileyo. Nakubeni bembalwa abantu abakwaziyo oko sikwenzileyo kodwa ndiyawonwabela lo msebenzi. Phofu ke, uYehova uThixo uyabona.” UAleksander wongeza athi: “Asishumayeli nje kuphela ebantwini kodwa siye sibancede nangezinye izinto. Ndonwabile ibe ndanelisekile kuba ndincede abamelwane bam.
Abantu ababukeleyo baye bakuxabisa ukuncedwa ngamaNgqina KaYehova. Omnye umhlali wothuka akufumanisa ukuba amaNgqina awazange ahlawulwe ngalo msebenzi. Wagqib’ ekubeni awancedise ibe kamva wathi: “Andizange ndiyicinge into yokuba ungonwaba uze waneliseke ngokwenza nje umsebenzi wokucoca!” Wongeza athi: “Abanye kuni abahlali nalapha, kodwa bezile ukuza kusinceda.”
Umphathi wesixeko wafumanisa ukuba iqela nje elincinane lamaNgqina liqokelele inkunkuma eninzi. Walifota ngoxa lalimi ecaleni kweeplastiki, esenzela ukuba abonise abanye indlela ofanele wenziwe ngayo lo msebenzi.”