AmaNgqina KaYehova Afundisa Abazali Nabantwana Ukuba Bazikhusele Ekuxhatshazweni Ngokwesondo
IBhayibhile iyalela abazali ukuba babathande, babakhokele, babakhusele futhi babajonge njengezipho ezivela kuThixo abantwana babo. (INdumiso 127:3; IMizekeliso 1:8; Efese 6:1-4) Enye kwizinto ezininzi abanokubakhusela kuzo kukuxhatshazwa ngokwesondo.
Kangangamashumi eminyaka, amaNgqina KaYehova aye apapasha aza asasaza inkcazelo ekhuthaza ulwalamano oluhle kwiintsapho. Akwavelise noncwadi olunceda abazali bakhusele abantwana babo ekuxhatshazweni ngokwesondo nolukwafundisa abantwana ngalo mba. Olu ludwe lulandelayo ngumzekelo wenkcazelo enolwalathiso kule nkalo. Phawula ukuba zingaphi iikopi neelwimi amanqaku apapashwe ngazo. a
Umxholo: Incest—The Hidden Crime
Imagazini: UVukani! wesiNgesi kaFebruwari 8, 1981
Iikopi: 7 800 000
Iilwimi: 34
Umxholo: Help for the Victims of Incest
Imagazini: IMboniselo yesiNgesi kaOktobha 1, 1983
Iikopi: 10 050 000
Iilwimi: 102
Imixholo: Child Molesting—Every Mother’s Nightmare; Child Molesting—‘Who Would Do a Thing Like That?’; Child Molesting—You Can Protect Your Child
Imagazini: UVukani! wesiNgesi kaJanuwari 22, 1985
Iikopi: 9 800 000
Iilwimi: 54
Imixholo: Amaxhoba Amsulwa Angabantwana Abaxhatshazwayo; Amanxeba Afihlakeleyo Abantwana Abaxhatshazwayo
Imagazini: UVukani! kaOktobha 8, 1991
Iikopi: 12 980 000
Iilwimi: 64
Imixholo: Umntwana Wakho Usengozini!; Sinokubakhusela Njani Abantwana Bethu?; Uthintelo Ekhayeni
Imagazini: UVukani! kaOktobha 8, 1993
Iikopi: 13 240 000
Iilwimi: 67
Umxholo: Khusela Abantwana Bakho
Ividiyo: Ividiyo yokucebisa uwonke-wonke, eyapapashwa ngo-2002
Iilwimi: 2
Umxholo: Indlela Awakhuselwa Ngayo UYesu
Incwadi: Isahluko 32 sencwadi ethi, Funda KuMfundisi Omkhulu, eyapapashwa ngo-2003
Iikopi: 39 746 022
Iilwimi: 141
Imixholo: Ingozi Exhalabisa Abazali; Indlela Onokubakhusela Ngayo Abantwana Bakho; Khusela Intsapho Yakho
Imagazini: UVukani! kaOktobha 2007
Iikopi: 34 267 000
Iilwimi: 81
Imixholo: Ndinokuzikhusela Njani Kubantu Abaxhaphaza Abantwana Ngokwesini?; Imibuzo Ebuzwa Ngabazali: Ngaba Ndifanele Ndithethe Nomntwana Wam Ngesini?
Incwadi: Isahluko 32 nesihlomelo sencwadi ethi, Imibuzo Yabantu Abaselula—Iimpendulo Eziluncedo, Umqulu 1, yapapashwa ngo-2011
Iikopi: 18 381 635
Iilwimi: 65
Umxholo: Abazali Bangabafundisa Njani Abantwana Babo Ngesini?
Umthombo: Iwebhsayithi ethi jw.org; inqaku elapapashwa ngoSeptemba 5, 2013
Iilwimi: 64
AmaNgqina KaYehova aza kuqhubeka efundisa abazali nabantwana babo ukuze baphephe iingozi ezibangelwa ngabantu abaxhaphaza ngokwesondo.
a Le mihla ibonisiweyo yeyoncwadi lwesiNgesi.