Yiya kwinkcazelo

IMboniselo Eyenziwe Lula

IMboniselo Eyenziwe Lula

Ukususela kwiMboniselo kaJulayi 2011, kuye kwazanywa ukuprinta IMboniselo yesiNgesi eyenziwe lula kangangonyaka. Ngoku sele kugqitywe ukuba iqhubeke isenziwa.

Ukususela ngoJanuwari 2013, le Mboniselo iya kufumaneka nangesiFrentshi, isiPhuthukezi nesiSpanish.

Le Mboniselo yayenzelwe abo ulwimi lwabo ingesosiNgesi nabangena kumabandla esiNgesi.

Ukuqala kwayo ukuphuma, zathontelana iileta zombulelo. Enye yayivela kuRebecca oneminyaka engama-64, ohlala eLiberia nongazange awubone umnyango wesikolo. Wathi: “Ndifunda ukulesa. Ngamanye amaxesha bendidla ngokufunda IMboniselo yesiNgesi, kodwa ndingayiva nokuba ithini. Ndiyithanda kakhulu le yenziwe lula. Ndiyayiva.

Abazali abaninzi basebenzisa IMboniselo eyenziwe lula ukuze bancede abantwana babo balungiselele, enye yeentlanganiso zamaNgqina kaYehova.

URosemary, okhulisa abazukulwana abangamantombazana abathathu, ubhale wenjenje: “Ukufunda iMboniselo namantombazana bekunzima kakhulu. Bekufuneka sisebenzise idictionary. Besichitha ixesha elininzi sizama ukuqonda intsingiselo yamagama kangangokuba bebede balahlekelwe yeyona nto ithethwayo. Ngoku ixesha lethu silichitha ngokufunda izibhalo nokuqonda indlela ezidibana ngayo naloo nto siyifundayo.

Nanku umzekelo obonisa umahluko phakathi kweMboniselo yesiNgesi efundisayo kunye neyesiNgesi esenziwe lula. Xa ichaza intlanganiso yabapostile bakaKristu ekwiZenzo 15, iMboniselo yesiNgesi efundisayo ithi: “What followed was, not a mind-numbing theological debate over dry technicalities, but a lively doctrinal discussion.” Ukanti yona eyesiNgesi esenziwe lula ithi: “Their meeting was, not a boring religious argument about unimportant details, but an exciting discussion about Bible teachings.