Yiya kwinkcazelo

Ukunceda Abafundi Ngokusebenzisa Imifanekiso

Ukunceda Abafundi Ngokusebenzisa Imifanekiso

Iimpapasho ezininzi zamaNgqina kaYehova zinemifanekiso emibalabala etyebisa oko kubhalwe kuzo, kodwa kwakungasoloko kunjalo. Inkupho yokuqala yeZion’s Watch Tower eyapapashwa ngo-1879 yayingenamifanekiso. Kangangeminyaka emininzi, iimpapasho zethu zazinamagama kuphela, kuze kuvele imifanekiso ngaloo maxesha okanye ifoto engenamibala.

Ngoku iimpapasho zethu zizele yimifanekiso. Abazobi kunye nabafoti bethu ngabo abeza nale mifanekiso kunye nemizobo oyibona kule webhsayithi. Kubalulekile ukuphanda kakuhle ukuze kwenziwe imifanekiso echanileyo ngokweBhayibhile nangokwembali.

Masenze umzekelo ngomfanekiso okweli nqaku, ovela kwisahluko 19 sencwadi ethi ‘Ukunikela Ubungqina Obucokisekileyo’ NgoBukumkani BukaThixo. Sibona iKorinte yamandulo. Njengokuba kuchazwa kwisahluko 18 sencwadi yeBhayibhile yeZenzo, umpostile uPawulos uphambi kwesihlalo sokugweba. Abaphandi bafumana inkcazelo ngendlela izinto zakudala ezazimi ngayo, kuquka imibala yesakhiwo esenziwe ngelitye lemabhile, esi uPawulos awayekuso kunye noGaliyo, baza banceda abazobi benza lo mfanekiso. Baphinda banika abazobi inkcazelo mayela nempahla eyayinxitywa ngamaRoma exesha likaPawulos, ukuze irhuluneli uGaliyo, esembindini walo mfanekiso izotywe inxibe izambatho zasebukhosini. UGaliyo unxibe isambatho esenziwe ngelaphu kunye nengubo yokwaleka enemigca emikhulu emfusa nezihlangu ekuthiwa yicalcei. Abaphandi bathi, xa emi ngakwisihlalo sokugweba kunokwenzeka ukuba le rhuluneli yayijonge kwicala lakumntla-ntshona. Loo nto yabangela abazobi bakwazi ukuqikelela umgangatho wokukhanya komfanekiso.

Lo Msebenzi Ulungelelene

Imifanekiso siyayigcina kunye nophando oluye lwenziwa ngayo, size siphinde siyisebenzise ngelinye ixesha. Besikade siyigcina imifanekiso kwiimvulophu ezinkulu, ngokweempapasho evela kuyo. Iifoto zona bezigcinwa ngokwemixholo. Njengokuba zaya zisiba ninzi ezi fayile, kwaba nzima ukuzikhangela ukuze ziphinde zisetyenziswe.

Ngo-1991 saqala enye indlela yokugcina inkcazelo eyayiza kusinceda. Ibizwa ngokuba yi-Image Services System kwaye ngoku inemifanekiso engaphezu kwe-440 000. Ukongezelela kwimifanekiso ekhe yavela kwiimpapasho zethu, kukho iifoto ezininzi ezigcinwayo eziza kusetyenziswa kwiimpapasho eziseza kwenziwa.

Kugcinwa inqwaba yeenkcukacha ezifana nokuba ifoto isetyenziswe nini kwaye phi, indawo ethathwe kuyo, amagama abantu abakuyo, nokuba yeyanini. Ukukwazi ukufumana imifanekiso ngokukhawuleza kuyanceda ingakumbi xa kusenziwa iimpapasho ezintsha.

Ngamanye amaxesha siye sicele imvume yokusebenzisa imifanekiso ethile. Ngokomzekelo, sisenokufuna umfanekiso werings of Saturn kwinqaku likaVukani! Abasebenzi bethu bakhangela umfanekiso, bafune umntu wawo baze bacele imvume yokuwusebenzisa. Abanye abasihlawulisi kuba bexhasa umsebenzi esiwenzayo wokufundisa ngeBhayibhile ehlabathini lonke.

Namhlanje ezinye zeempapasho zethu zizele yimifanekiso. Ngokomzekelo, kule webhsayithi sinamaBali EBhayibhile Anemifanekiso; kwaye kwalapha usenokuzifundela okanye uziprintele incwadana enemifanekiso ethi Phulaphula UThixo, efundisa izifundo ezibalulekileyo ngamazwi nje ambalwa. Ezi mpapasho kunye nezinye ezifumaneka kule webhsayithi ziphumeza injongo enye yokufundwa kweBhayibhile.