Yiya kwinkcazelo

Incwadana Efundisa Ngemifanekiso Efumaneka Ngeelwimi Ezininzi

Incwadana Efundisa Ngemifanekiso Efumaneka Ngeelwimi Ezininzi

UOdval uhlala eMongolia. Akaqinisekanga ncam ukuba umdala kangakanani kodwa uqikelela ukuba wazalwa ngo-1921. Esemncinane wayesalusa ibe waya unyaka nje omnye esikolweni. Akakwazi kufunda. Kodwa kutshanje, incwadana enemifanekiso enemibala-bala iye yamnceda wafunda ngoThixo nangekamva elivuyisayo labo bamthobelayo. Olu lwazi luye lwamchukumisa.

Le ncwadana yenziwa ngamaNgqina kaYehova ngo-2011 ibe kukho iintlobo ezimbini zayo. Zombini zinemifanekiso emihle kodwa umahluko kukuba enye inamagama ambalwa kunenye.

Le inamagama aliqela ethi, Phulaphula UThixo Uze Uphile Ngonaphakade, iza kufumaneka ngeelwimi eziyi-583 kungekudala; ize enye ethi, Listen to God ifumaneke ngeziyi-483. Thelekisa la manani kunye neUnited Nations Universal Declaration of Human Rights, yona eguqulelwe ngeelwimi eziyi-406. Ukongezelela, kuye kwasasazwa iikopi eziphantse zibe yi-80 miliyoni zezi ncwadana.

Omnye umakhulu waseBrazil owamkela incwadana ethi, Listen to God, wathi: “Ndiyavuyiswa kukwazi ukuba nabantu abafana nam bayacingwa. Zange ndazithatha iimagazini zenu kuba andifundanga. Kodwa le ncwadana, ndiyayifuna.”

Elinye ibhinqa elingafundanga laseFransi, uBrigitte, lathi: “Imifanekiso ekule ncwadana ndiyibuka yonke imihla.”

Elinye iNgqina laseMzantsi Afrika lathi: “Ayikho enye incwadana ebhetele endinokuyisebenzisa ekufundiseni inyaniso yeBhayibhile kwintsimi yesiTshayina. Ndiyihambise kubantu abafunde kwiiyunivesithi abakrelekrele nakubantu abangakwaziyo kwaukufunda. Incwadana ethi, Phulaphula UThixo Uze Uphile Ngonaphakade indinceda ndifundise iimfundiso zeBhayibhile ngokukhawuleza. Ndiyakwazi ukudlulisela iimfundiso zeBhayibhile ngemizuzu nje engamashumi amathathu.”

Amanye amaNgqina aseJamani afunda nesinye isibini esifunde sayityekeza. Indoda yayithanda kakhulu le ncwadana kangangokuba yathi: “Ibiphi ixesh’ eli lonke? Xa ndiyifunda ndiyiqonda lula iBhayibhile.”

Elinye ibhinqa elingevayo laseOstreliya, lathi: “Ndandihlala noonongendi kangangeminyaka emininzi. Ndandivana kakhulu neenkokeli zecawa. Kodwa akukho nanye kuzo eyandifundisa ngoBukumkani bukaThixo. Imifanekiso ekule ncwadana iye yandinceda ndawuqonda kakuhle umbhalo kaMateyu 6:10.”

Iofisi yesebe yamaNgqina kaYehova eseKhanada yabhala oku: “Emva kokufumana incwadana ethi, Listen to God ngesiKrio, abantu abaninzi baseSierra Leone baye bathi amaNgqina kaYehova enza umsebenzi omhle ekusasazeni iimfundiso zeBhayibhile. Abanye bade bathi, ‘Nibakhathalele abantu kodwa abanye abanaxesha lamntu.’ ”