Ilayibrari Efumaneka Lula
Ngo-Oktobha 7, 2013, amaNgqina kaYehova akhulula inkqubo yokuphanda esebenza kwifowuni enceda ekufundeni iBhayibhile nakufundisiso ebizwa ngokuba yi-JW Library. Le layibrari ineenguqulelo zeBhayibhile ezintandathu, eziquka iKing James Version neNguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele ehlaziyiweyo ka-2013. a
Kwakutheni Ukuze Yenziwe?
Abantu abaninzi basebenzisa iifowuni, iitablet nezinye izixhobo ezifana nezo emsebenzini naxa benxibelelana. Ekubeni abantu benokufunda iBhayibhile okanye bafundisise ku-jw.org, bekutheni ukuze yenziwe?
Okokuqala, le layibrari ayifuni ube uneintanethi. Okwesibini, yenziwe ngohlobo lokuba ikwazi ukukunceda uzifumane lula izibhalo uze uyicokise ukuyifunda iBhayibhile. Yenzeka njani loo nto?
I-JW Library Inceda Ekufundeni IBhayibhile
Xa uqala ukuyivula, ubona amagama eencwadi zeBhayibhile. Emva kokuba ucofe incwadi ethile yeBhayibhile kuvela izahluko zayo. Loo nto yenza kube lula ukubona indinyana oyifunayo. Le layibrari inezinye izinto onokuzisebenzisa kufundisiso lweBhayibhile:
Inemibhalo esemazantsi ecacisa amagama nemvelaphi yawo
Ineembekiselo zeendinyana zeBhayibhile
Ungakhangela igama elinye okanye amagama aliqela eBhayibhileni
Inenkcazelo ngencwadi nganye yeBhayibhile
Inendawo ethetha ngombhali ngamnye weBhayibhile, indawo awayibhalela kuyo loo ncwadi, ixesha eyabhalwa ngalo nokuba yathatha ixesha elingakanani ukubhalwa
Ikwanalo necandelo elineemaphu, izicangca, iziganeko eziseBhayibhileni nexesha ezenzeke ngalo nemifanekiso
Njengazo zonke iimpapasho zamaNgqina kaYehova, i-JW Library ifumaneka simahla. Le layibrari exhaswa ngeminikelo yokuzithandela, sele idawunlowudwe ngabantu abaninzi. (2 Korinte 9:7) Khawukhe uyisebenzise uze ubone indlela eluncedo ngayo.
a NgoJanuwari 2014, le layibrari yahlaziywa. Ngoku kufakwe nokuhlolisisa iZibhalo imihla ngemihla neculo lamaNgqina kaYehova.