Yiya kwinkcazelo

Abaguquleli BeSpanish Bafudukela ESpeyin

Abaguquleli BeSpanish Bafudukela ESpeyin

UYesu wathi iindaba ezilungileyo zoBukumkani zaziya kushunyayelwa ehlabathini lonke. (Mateyu 24:14) Ukususela ngo-1909 uncwadi lweBhayibhile lwamaNgqina kaYehova beluguqulelwa ngeSpanish, yaye luncede abantu abasehlabathini lonke basiva isigidimi soBukumkani ngolwimi lwabo. Baninzi abantu abathetha isiTshayina njengolwimi lwabo lokuqala, ibe iSpanish silandela emva kwaso kuba basisiqingatha sebhiliyoni abantu abasithethayo ehlabathini lonke.

UWilliam ongumguquleli weSpanish uthi: “ISpanish lulwimi oluthethwa ehlabathini lonke ngabantu abanezithethe ezingafaniyo. Eyona nto siyifunayo kukukwazi ukufikelel’ iintliziyo zabantu beemvelaphi, bemfundo nabakwimigangatho eyahlukahlukeneyo yobomi.” Ukuze bakwazi ukufikelela onke la maqela, abaguquleli baye bakhethwa kwiindawo ezahlukahlukeneyo ezifana naseArgentina, eColombia, e-El Salvador, eGuatemala, eMexico, ePuerto Rico, eUnited States, eUruguay, eVenezuela naseSpeyin.

Kangangeminyaka emininzi, amaNgqina kaYehova ayesiguqulelela eUnited States iSpanish, encedwa ngamaNgqina aseArgentina, eMexico, naseSpeyin. Kodwa ke ngo-1993, abaguquleli beSpanish bafudukela ePuerto Rico, loo nto yanceda basebenza bonke bendawonye.

NgoMatshi 2012 kwagqitywa ngelithi iSebe Labaguquleli beSpanish lifudukele kwiofisi yesebe yamaNgqina kaYehova eSpeyin. UEdward ebalisa uthi: “Kwafuneka sifuduse abantu, impahla yabo, oomatshini nesinye isixhobo esibalulekileyo kwisebe lethu—ilayibrari yabaguquleli.” Le layibrari ineembekiselo ezimalunga neziyi-2 500 kuquka neenguqulelo ezininzi zeBhayibhile yeSpanish.

Bamkelwa ngobubele eSpeyin

NgoMeyi 29, 2013, abaguquleli beSpanish bafika kwikhaya labo elitsha yaye bamkelwa ngobubele yintsapho yaseBheteli yaseSpeyin. Abaguquleli, iimbekiselo noomatshini babo bawela uLwandlekazi iAtlantic baza bafika, konke oku kwenzeka ngenxa yomsebenzi onzima oye wenziwa ekucebeni le mfuduko. Abantu abafunda uncwadi lweSpanish abakhange baqaphele kwanto kuba yonke into ihambe kakuhle. UEdward uthi: “Eyona nto ibalulekileyo sisigidimi soBukumkani, ibe sifuna abantu abaninzi abathetha iSpanish bafunde ngesi sigidimi.”