Yiya kwinkcazelo

Ngoku I-jw.org Ifumaneka Ngeelwimi Ezingaphezu Kweziyi-300!

Ngoku I-jw.org Ifumaneka Ngeelwimi Ezingaphezu Kweziyi-300!

Ukuba ucofa kuluhlu olubonisa iilwimi onokuzifunda ngayo i-jw.org, uya kufumanisa ukuba kukho iilwimi ezingaphezu kweziyi-300 onokukhetha kuzo—nto leyo engaqhelekanga kwiiwebhsayithi ezininzi!

Eli nani lingakanani xa lithelekiswa nezinye iiwebhsayithi ezidumileyo? Ukususela ngoJulayi 2013 iwebhsayithi yeUnited Nations ibifumaneka ngeelwimi ezintandathu. Iwebhsayithi esemthethweni yeEuropean Union, iEuropa, ibifumaneka ngeelwimi eziyi-24. IGoogle yona ibifumaneka ngeelwimi eziyi-71 ngoxa iWikipedia ifumaneka ngeziyi-287.

Kuthatha ixesha elide ukuguqulela iwebhsayithi ifumaneke ngeelwimi ezingaphezu kweziyi- 300! Uninzi lwalo msebenzi wenziwa ngamaNgqina kaYehova asasazeke kumazwe amaninzi nafuna ukudumisa uYehova. Ngobuchule la maqela aguqulela isiNgesi siye kwiilwimi zawo.

I-jw.org inenkcazelo eninzi eguqulelwa ngeelwimi ezingaphezu kweziyi-300, ngenxa yoko ewonke amaphepha akule webhsayithi angaphezu kwe-200 000!

Le webhsayithi ayaneli nje ukufumaneka kwiindawo ezininzi kodwa idume nokuduma. Oku kuboniswe lolunye uhlolisiso olwenziwe yinkampani ejongene neeWebhsayithi iAlexa. Le nkampani inomxholo othi, “Iinkonzo Nonqulo,” ibe phantsi kwawo kukho uludwe lweewebhsayithi ezimalunga ne-87 000, eziquka ezeenkonzo ezinkulu, amalungu azo neminye imibutho eyeleleneyo. Ukususela ngoJulayi 2013, i-jw.org iye yakwindawo yesibini kolu ludwe! Eyokuqala yenye iwebhsayithi eneenguqulelo zeBhayibhile eziliqela.

Ukususela ngo-Oktobha 2013, i-jw.org iye yavulwa ngabantu izihlandlo ezingaphezu kwe-890 000 suku ngalunye. Siza kuqhubeka sikhupha amacebiso asebenzisekayo asuka eBhayibhileni simahla, ukuze abantu bawafumane kungakhathaliseki apho bakhoyo.