Yiya kwinkcazelo

Iphulo Lehlabathi Lonke Lokubhengeza I-JW.ORG

Iphulo Lehlabathi Lonke Lokubhengeza I-JW.ORG

NgoAgasti 2014, ehlabathini lonke amaNgqina kaYehova ahambisa iphecana lokubhengeza i-jw.org. Loo nto yabangela ukuba inani labantu abangena kule webhsayithi lande ngeepesenti ezingaphezu kweziyi-20 kuloo nyanga, lade laya kufikelela kwizigidi eziphantse zibe yi-65. Ehlabathini lonke, abantu abaphantse babe yi-10 000 bacela ukufundiswa iBhayibhile ngale webhsayithi—nani elo elingaphezulu nge-67 pesenti kwelenyanga eyandulela leyo! Eli phulo lanceda abantu mbombo zone zomhlaba.

Uncedo lwabo bakhangela iimpendulo zemibuzo ebalulekileyo ngobomi

Elinye iNgqina eKhanada ladibana noMadeline, lambulisa laza lambonisa iphecana elithi, Sinokuzifumana Phi Iimpendulo Zemibuzo Ebalulekileyo Ngobomi? UMadeline walixelela ukuba, izolo oku ebethandaza ecela uThixo ukuba amncede afumane iimpendulo zale mibuzo. Wakhe wacela iicawa eziliqela ukuba zimfundise iBhayibhile, kodwa akukho nomnye umntu wezo cawa owakhe weza kumnceda. Waqalisa ukufunda iBhayibhile namaNgqina kaYehova.

Uncedo lwabo bangaqhelananga neBhayibhile

KwiiPhilippines, uRowena wathetha nendoda yaseTshayina phambi kwevenkile yokutya. Wayinika eli phecana waza wayixelela ukuba amaNgqina kaYehova anceda abantu bafunde iBhayibhile simahla.

Le ndoda yathi yayiqala ngqa ukubona iBhayibhile. Ukuncokola kwayo neli Ngqina kwayenza yanomdla wokuya kwindibano yamaNgqina kaYehova. Emva koko yathi ifuna ukufunda iBhayibhile futhi ifuna ukuyidawunlowuda kwiwebhsayithi yethu.

Uncedo lwabo bazizithulu

UGuillermo, iNgqina elisisithulu eSpeyin, wadibana noJorge, owayefunda naye esikolweni nokwasisithulu. UJorge wamxelela ukuba usandul’ ukuswelekelwa ngunina ibe unemibuzo emininzi. UGuillermo wamnika iphecana waza wambonisa indlela yokufumana intetho yezandla kwi-jw.org eyayiza kumphendulela imibuzo emininzi anayo. UGuillermo waphinda wammema ukuba aze kwiHolo yoBukumkani. Nyhani ke weza, ibe ukususela ngoko, uJorge zange aphinde aphoswe ziintlanganiso, nangona ehlala kwindawo ekude ngeekhilomitha eziyi-60 eholweni.

Uncedo lwabo basemagqagaleni

Izibini ezimbini ezingamaNgqina eGreenland, zathath’ uhambo oluziindleko lweeyure ezintandathu ngephenyane zisiya kwindawo ehlala abantu abayi-280. Zafika zashumayela, zahambisa amaphecana zaza zabonisa abantu ividiyo ekwi-jw.org ngolwimi lwaseGreenland. Zaqalisa nokufundisa esinye isibini iBhayibhile. Sithethanje, isifundo siqhutywa ngefowuni kabini ngeveki.

Eli phulo zange liphelele kwimimandla eseMantla. AmaNgqina aseNicaragua aceba ukunika abantu abathetha isiMayangna abahlala kumahlathi akwiiCaribbean iphecana leli phulo. Emva kokuhamba kwindlela embi ngesikorokoro sebhasi iiyure eziyi-20 engakhange amise, ehla aza ahamba ngeenyawo iiyure eziyi-11, emane edibana nodaka, esiya kula mahlathi. Afika ahambisa amaphecana aza adlalela abantu iividiyo zesiMayangna, nto leyo eyabashiya bethe manga futhi bonwabile abantu baloo ngingqi.

UEstela wahambisa iphecana kwindoda eyayidlula kwidolophu encinane kumahlathi aseAmazon eBrazil. Le ndoda yalithatha iphecana, kodwa yalifaka epokothweni, ingenamdla kangako. Endleleni egodukayo, iphenyane eyayikhwele kulo lonakala, yashiyeka ibhidekile. Isalinde ukuncedwa, yathi mayikhe ibe ifunda ela phecana ibilinikiwe. Yangena kwi-jw.org ngefowuni, yaza yafunda amanqaku yadawunlowuda neevidiyo eziliqela. Emva kweentsuku ezimbalwa, le ndoda yadibana nomyeni kaEstela yaza yamcela ukuba ambulele kakhulu ngephecana awayinika lona. Yathi: “Izinto endizifundileyo xa bekonakele iphenyane, zandenza ndazola de kwafika uncedo. Abantwana bam bazithanda nyhani iividiyo zikaSihle. Ndiseza kuhlala ndingena kwi-jw.org.”