Idolophu Yobutyebi Ibonisa “Isipho UThixo Asinike Abantu”
Enye yeedolophu ezinkulu eRomania, iCluj-Napoca, yaziwa ngokuba Yidolophu Yobutyebi. Kwindawo ethengisa iincwadi ebizwa ngokuba yiGaudeamus eyayikule dolophu ngoAprili 20 ukuya kutsho nge-24, 2016, amaNgqina KaYehova abonisa izinto ezithethwa yiBhayibhile ngendlela yokuziphatha nezinto ezifunwa nguThixo ebantwini. Kwindawo awayebeke iincwadi zawo kuyo, athetha nabantu abaninzi ababenomdla kwiividiyo, kwiincwadi ezithetha ngeBhayibhile nakwiiBhayibhile.
Kweza izikolo ezininzi kule ndawo ibonisa iincwadi, yaye ootitshala baya kubonisa abafundi iincwadi zamaNgqina. Abantwana abancinci bazithanda iividiyo zoopopayi ezinomxholo othi Yiba Ngumhlobo KaYehova, abaninzi bade bazifunela Incwadi Yam Yamabali EBhayibhile nencwadana ethi Fundisa Abantwana Bakho. Elinye ibhinqa eligcina abantwana elalibukele ezi vidiyo lathi kumntu elisebenza nalo, “Kufuneka sibhale le webhsayithi u-www.pr418.com/xh ukuze sibonise abantwana zonke ezi vidiyo zoopopayi.”
Abafundi abasele bebhadlile bazithanda iividiyo zoopopayi ababezibukeliswa kwiitablets. Iividiyo ezifana nethi Ngaba Luthando Okanye Yintabatheko, Zisebenzise Kakuhle Iiwebhsayithi Zokuncokola nethi Indlela Yokoyisa Umntu Okuntlontayo Ungakhange Umbethe.
Umfundisi wecawa yamaOthodoki nomfazi wakhe babesiza kaninzi kule ndawo yamaNgqina. Bafumana iNguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele neencwadana. Lo mfundisi wayithanda kakhulu indawo ekule Bhayibhile ethi, “Isalathiso Samagama EBhayibhile” nendlela abaphande kakuhle ngayo abaguquleli. Wanika amaNgqina inombolo yakhe yefowuni ukuze baphinde bancokole ngeBhayibhile.
Inkosikazi yomfundisi yabuza indawo ethetha ngabantwana kule webhsayithi, yaza yaboniswa indawo ethi “Abantwana.” Yabukela ividiyo eyayithanda kakhulu ethi Yiba Nenyaniso. Emva kokubona izinto ezininzi ezikuyo, umyeni wayo wathi esi ‘sisipho uThixo asinike abantu.’