Olunye Uhlobo Lobuncwane EBotswana
Ukususela ngoAgasti 22 ukuya kutsho nge-28, 2016, amaNgqina kaYehova eBotswana, eyona ndawo inemigodi yedayimani ehlabathini, abonisa ngolunye uhlobo lobuncwane kwindawo yokubonisa izinto. Abonisa ngeencwadi ezifundisa ngeBhayibhile, iwebhsayithi ethi, jw.org neevidiyo ezikhuthaza iintsapho ezimanyeneyo.
Abazali nabantwana bazithanda kakhulu iividiyo zoopopayi ezinomxholo othi, Yiba Ngumhlobo KaYehova, ezifundisa indlela yokusebenzisa imigaqo yeBhayibhile. Ekubeni kwakukho iividiyo zoopopayi ezimbalwa zeSetswana, ulwimi lwaseBotswana, abantu abaninzi bazicela.
Iindwendwe ezazisuka kwindawo ezininzi, zathatha iincwadi ezimalunga neziyi-10 000, baza abantu abayi-120 bacela ukufundelwa iBhayibhile simahla. Abantu abaninzi bayithanda nento yokuba amaNgqina akwibandla lesiNgesi neleSetswana ayesebenza kunye.
Abaphathi bendawo yokubonisa izinto bawanika imbasa amaNgqina KaYehova esithi aphume phambili.