Iifoto Zokuqala ZaseWallkill (Ukususela NgoJulayi 2013 Ukuya Kutsho Ngo-Oktobha 2014)
AmaNgqina KaYehova andisa yaye alungisa isakhiwo sawo esiseWallkill, eNew York. Ezi foto zibonisa umsebenzi oye wenziwa ukususela ngoJulayi 2013 ukuya kutsho ngo-Oktobha 2014. Kulindeleke ukuba lo msebenzi ugqitywe ngoNovemba 2015.
NgoJulayi 12, 2013—Isakhiwo sokuhlamba iimpahla
Isilenge sinyusa udonga olusele lwakhiwe.
NgoJulayi 19, 2013—ISakhiwo E Sokuhlala
Kulungiswa umgangatho wesakhiwo. Esi sakhiwo sakhiwe ngohlobo lokuba sikwazi ukumelana neenkanyamba.
NgoAgasti 5, 2013—ISakhiwo E Sokuhlala
Kulungiswa udonga.
NgoAgasti 30, 2013—Isakhiwo sokuhlamba iimpahla
Kufakwa iintsimbi kwigumbi loomatshini.
NgoSeptemba 17, 2013—ISakhiwo E Sokuhlala
Kugqityezelwa uphahla.
Ngo-Oktobha 15, 2013—ISakhiwo E Sokuhlala
Abasebenzi bahlola udonga baze bavale imingxuma.
NgoNovemba 15, 2013—Isakhiwo sokuhlamba iimpahla
Umsebenzi owenziwa eluphahleni uquka ukufakelwa kwesixhobo esikhupha umoya.
NgoDisemba 9, 2013—ISakhiwo E Sokuhlala
Kuvalwa iintanda. Lo msebenzi wokulungisa esi sakhiwo, wenziwa ukuze sikwazi ukumelana neenkanyamba kwaye uthathe ixesha elingangonyaka onesiqingatha.
NgoDisemba 11, 2013—Isakhiwo sokuhlamba iimpahla
Umsebénzi ulungiselela ukufakela indawo entsha ekuhamba kuyo amanzi amdaka.
NgoJanuwari 10, 2014—Indawo yokugcina ukutya kwezilwanyana
Lo matshini weenkozo ususwayo, ubusetyenziswa ukususela kwiminyaka yee-1960 ukuya kutsho ngo-2008. Awusasetyenziswa kuba iinkuku, iinkomo zobisi neehagu azisekho eWallkill.
NgoJanuwari 22, 2014—ISakhiwo Sendawo Yokuhlamba Iimpahla, Eyokutyela Nekhitshi
Kususwa izitulo ukuze kulungiswe iholo.
NgoJanuwari 29, 2014—Indawo yokugcina ukutya kwezilwanyana
La matanki ebegcina ukutya kwemfuyo.
NgoMatshi 3, 2014—Isakhiwo sokushicilela
Kulungiswa isakhiwo sesebe lezobugcisa.
NgoJulayi 4, 2014—ISakhiwo Sendawo Yokuhlamba Iimpahla, Eyokutyela Nekhitshi
Kutshiselwa intsika yesi sakhiwo.
NgoSeptemba 19, 2014—Indawo yokutyela (kwiSakhiwo E Sokuhlala)
Kufakwa ikhaphethi kule ndawo ibisetyenziswa njengendawo yokutyela abakhi.
NgoSeptemba 22, 2014—ISakhiwo E Sokuhlala
Kugqityezelwa iindonga kweli gumbi.
NgoSeptemba 24, 2014—ISakhiwo Sendawo Yokuhlamba Iimpahla, Eyokutyela Nekhitshi
Kufakelwa iintsimbi zokuxhasa ilifti.
Ngo-Oktobha 2, 2014—Indawo yokutyela (kwiSakhiwo E Sokuhlala)
Indawo yokutyela iye yandiswa ibe ngoku ihlala abantu abayi-1 980.
Ngo-Oktobha 22, 2014—ISakhiwo Sendawo Yokuhlamba Iimpahla, Eyokutyela Nekhitshi
Kwembiwa umhlaba ukulungiselela ukuxhasa intsika. Oku kwenziwa ukuze esi sakhiwo sikwazi ukumelana neenkanyamba.