Yiya kwinkcazelo

Bacela Umsebenzi Baza Abafuna Ntlawulo

Bacela Umsebenzi Baza Abafuna Ntlawulo

Ngaphezu kweminyaka eyi-28 edluleyo, amaNgqina kaYehova angaphezu kwe-11 000 aye ashiya amakhaya namazwe awo ukuze aye kwakha izakhiwo kumazwe ayi-120. Onke aye anikela ngobuchule nangamandla awo ibe akahlawulwa.

Uninzi lwawo luyazihlawula iindleko zokuza kule projekthi. Abanye basebenzisa ikhefu labo ukuze benze lo msebenzi, bencama imali ababenokuyifumana.

Akukho nto ibiwanyanzela ukuba azincame ngolo hlobo, kodwa azinikela ngokuzithandela ukuze ancedise kumsebenzi owenziwa ehlabathini lonke wokushumayela iindaba ezilungileyo zoBukumkani. (Mateyu 24:14) Aye akha iiofisi, iindawo zokuhlala nezakhiwo ekuprintwa kuzo iiBhayibhile noncwadi olusekelwe eBhayibhileni. Kwakhona amaNgqina kaYehova aye akha iiHolo ZeeNdibano ezihlala abantu abayi-10 000 neeHolo zoBukumkani ezihlala abantu abayi-300.

Lo msebenzi usaqhubeka. Xa abasebenzi befika esizeni, iofisi yesebe yasekuhlaleni ibalungiselela indawo yokuhlala, izidlo, ibahlambel’ impahla ibenzele nezinye izinto abazidingayo. Kwakhona amaNgqina asekuhlaleni ayawuvuyela umsebenzi wokwakha.

Ukuze lo msebenzi mkhulu kangaka uqhube kakuhle, ngo-1985 kwaqaliswa inkqubo entsha yawo onke amazwe. Ukuze akufanelekele ukuba kule nkqubo, amatsha-ntliziyo afanele abe ngamaNgqina kaYehova aneminyaka ephakathi kwe-19 ne-55 ubudala ibe afanele okungenani abe nobuchule bokwakha. Isabelo osifumanayo kule nkqubo sithatha iiveki ezimbini ukuya kwiinyanga ezintathu, nangona maxa wambi inokwandiswa ibe ngunyaka nangaphezulu.

Amakhosikazi ala matsha-ntliziyo aqeqeshelwa ukukwazi ukubopha amacingo, ukufaka itile, ukukhuhla nokupeyinta udonga. Abanye baphekela abakhi okanye bacoce iindawo zokuhlala.

Xa amatsha-ntliziyo ebuyela kumazwe awo, abanye babo baye babulele ngenxa yokuba beye bamenywa ukuze beze kusebenza. Esinye isibini esitshatileyo sabhala sathi: “Sithi maz’ enethole kuni nonke ngelungelo eniye nasinika lona lokuba sisebenze kwisebe laseBudapest. NamaNgqina aseHungary ebenobubele ibe enoxabiso. Kwakunzima ukubashiya emva kokuba sibe kunye nabo kangangenyanga. Kodwa kusoloko kunjalo. Sinethemba lokuba siza kuphinda sibe kunye nabo ngentwasahlobo. Sihlandlo ngasinye siye kwisabelo esithile, siyonwaba ngaloo nyanga.”