Yiya kwinkcazelo

Ukuthorisha EBheteli

Siyakumema ukuba uzokuthorisha kwii-ofisi zethu, ezaziwa ngokuba yiBheteli. Kwezinye ii-ofisi zethu ungakwazi ukuthorisha kungekho mntu ukuncedisayo.

Ukuthorisa KumaSebe Kuphinda Kuvumeleke: Kumazwe amaninzi, kuza kuphinda kuqaliswe ukuthorishwa ngoJuni 1, 2023. Ukuze wazi ezinye iinkcukacha, thetha nesebe ofuna ukuya kulo. Ukuba unekhorona, ingqele okanye kubonakala ngathi unefiva, okanye ukuba ubukhe wadibana nomntu ekuye kwathiwa unekhorona, sicela ungezi.

Brazil

Rodovia SP-141 - km 43

CESÁRIO LANGE-SP

18285-901

BRAZIL

+55 15-3322-9000

Unokukhenketha

NgoMvulo Ukuya Kutsho NgoLwesihlanu

Ngo-8:00 ukuya kutsho ngo-9:45 kusasa nango-1:00 ukuya kutsho ngo-2:45 emva kwemini

Ukhenkethiswa kangangeeyure ezimbini

Umsebenzi Ophambili

Kuprintwa iincwadi, iincwadana, iimagazini namaphecana amaninzi nyaka ngamnye ngeelwimi ezingaphezu kweziyi-120.

Ukuzibukela Imiboniso

IBhayibhile—Incwadi Nombhali Wayo. Lo mboniso ubonisa indlela iBhayibhile esiye sayifumana ngayo namhlanje nendlela uMbhali WeBhayibhile aye wawukhusela ngayo umyalezo wayo nakuba abachasi bebefuna ukuyitshintsha.

Dawnlowuda incwadana eneenkcukacha ngale ndawo uyityeleleyo.