Yiya kwinkcazelo

Ukuthorisha EBheteli

Siyakumema ukuba uzokuthorisha kwii-ofisi zethu, ezaziwa ngokuba yiBheteli. Kwezinye ii-ofisi zethu ungakwazi ukuthorisha kungekho mntu ukuncedisayo.

Ukuthorisa KumaSebe Kuphinda Kuvumeleke: Kumazwe amaninzi, kuza kuphinda kuqaliswe ukuthorishwa ngoJuni 1, 2023. Ukuze wazi ezinye iinkcukacha, thetha nesebe ofuna ukuya kulo. Ukuba unekhorona, ingqele okanye kubonakala ngathi unefiva, okanye ukuba ubukhe wadibana nomntu ekuye kwathiwa unekhorona, sicela ungezi.

EMzantsi Afrika

Izinto omele uzazi ngokuthorisha

Ngaba kufuneka ubhukishe ngaphambi kokuza kuthorisha? Ewe. Ukuze kungagcwali kakhulu nokuze siqiniseke ukuba abantu bayakonwabela ukuthorisha, sicela zonke iindwendwe zibhukishe ngaphambi kokuza, nokuba nilinani elingakanani na. Bhukisha kuseneveki ngaphambi kokuba nize, kodwa ukuba niza kuza ngexesha leeholide, sinikhuthaza ukuba nibhukishe kwanangaphambi koko.

Ukuba awukhange ubhukishe ngaba ungakwazi ukuthorisha? Ngenxa yenani labantu abalindelekeyo ngemini, ukuba awukhange ubhukishe sisenokungakwazi ukukwamkela.

Ufanele ufike ngabani ixesha xa uzokuthorisha? Ukuze kungaxinani kakhulu, sicela ufike kwisithuba esingaphantsi kweyure ngaphambi kwexesha olibhukishileyo.

Ubhukisha njani? Cofa kwindawo ethi “Bhukisha Apha.”

Ngaba unokulitshintsha okanye ulisuse ixesha obhukishe ngalo? Ewe. Cofa kwindawo ethi “Jonga okanye Tshintsha Ixesha.”

Unokwenza njani xa kugcwele ngexesha olifunayo? Qhubeka ujonga kwiWebsaythi. Lisenokuvela ixesha xa abanye abantu betshintsha okanye besusa amaxesha ababhukishe ngawo.

Dawunilowda incwadana yokuthorisha

Izinto eziboniswayo

Indawo yokubuka yeendwendwe eseHome: Apha kukho iividiyo ezibonisa indlela umsebenzi waseBheteli owenziwa ngayo, nendlela lo msebenzi oncedisa ngayo kunqulo lwethu.

Indawo yokubuka yeendwendwe esePrintery 2: Apha kukho iividiyo ezibonisa ukubaluleka kokuguqulela nokuprinta iincwadi ngeelwimi zasekuhlaleni. Kukho nendawo ephakamileyo ebonisa kakuhle umatshini wokuprinta. Kukwakho nendawo ebonisa imbali yendlela igama likaThixo eliye lasetyenziswa ngayo kwiiBhayibhile zeelwimi zasekuhlaleni.

Indawo yokubuka yeendwendwe esePrintery 3: Kukho indawo ephakamileyo ebonisa kakuhle indawo ekupakishwa kuyo iincwadi, nendawo ebonisa ukuba ziyaphi ezizakube zipakishwa ngelo xesha. Kukho neeevidiyo ezibonisa ukwakhiwa kweeHolo ZoBukumkani nesakhiwo sokupakisha iincwadi, nendlela ezenziwa ngayo iividiyo nezinto ezirekhodiweyo.

Ezinye Izinto: Kukho iiteksi ezithutha iindwendwe ukuya kwezindawo zokubuka. Iindwendwe zinokonwabela isidlo sasemini kwindawo elungiselelwe iindwendwe.

I-Adresi nenamba onokusifownela kuyo

1 Robert Broom Drive East

Rangeview

KRUGERSDORP

1739

SOUTH AFRICA

+2711-761-1002