Izinto Ezibalulekileyo Ezenzeke EBulgaria
NGOMEYI 19, 2004—Inkundla YaseYurophu Yamalungelo Abantu ekuthiwa yiECHR yenza isivumelwano kwityala likaLotter and Lotter v. Bulgaria; urhulumente wenza kucace ukuba amaNgqina anelungelo lokukhonza aze avakalise ukholo lwawo ngaphandle kweziphazamiso
NGOAPRILI 16, 2003—Urhulumente uvumela ukuba usuku lweSikhumbuzo Sokufa kukaYesu lube yiholide yamaNgqina kaYehova, evumela amaNgqina ukuba angasebenzi ngolwaa suku
NGOMATSHI 6, 2003—AmaNgqina kaYehova aphinde abhaliswa phantsi koMthetho omtsha Weenkonzo
NGOMEYI 3, 2001—IECHR yamkela isivumelwano kwityala lomnye wamaNgqina kaYehova (Stefanov v. Bulgaria); urhulumente ucima ityalo labo bangavumanga ukuya emkhosini ngenxa yezinto abazikholelwayo nabakulungeleyo ukwenza eminye imisebenzi ngaphandle kokuya emkhosini
NGO-OKTOBHA 7, 1998—AmaNgqina kaYehova amkela ukubhaliswa ngokusemthethweni eBulgaria
NGOMATSHI 9, 1998—Ukongeza kwintlawulo yetyala eyamkelwe yiEuropean Commission of Human Rights (eyiNkundla Yamalungelo Abantu YaseYurophu [ECHR]), urhulumente waseBulgaria uyavuma ukubhalisa amaNgqina kaYehova njengenkonzo
Ngo-1994—IBulgaria iyakutshintsha ukubhaliswa kwamaNgqina kaYehova emva kokubeka imithetho emitsha yeenkonzo
NGOMEYI 7, 1992—IBulgaria iba lilungu le-26 kwiCouncil yaseYurophu
NGOJULAYI 17, 1991—Urhulumente ubhalisa amaNgqina ngokusemthethweni, njengeBandla LamaKristu AmaNgqina KaYehova
Ngo-1944 ukuya ku-1990—Phantsi kolawulo lobuKomanisi, umsebenzi wamaNgqina kaYehova uyavalwa
NGOMEYI 6, 1938—AmaNgqina kaYehova amkelwa ngokusemthethweni
Ngo-1888—Ukubhaliswa kokuqala kwamaNgqina kaYehova eBulgaria