Yiya kwinkcazelo

JUNI 7, 2017
E-EGYPT

‘Ingaske Ude Uvulwe Umsebenzi Wethu’

‘Ingaske Ude Uvulwe Umsebenzi Wethu’

UEhab Samir liNgqina LikaYehova laseYiputa elineminyaka eyi-52. UMnu. Samir uthi ekubeni urhulumente waseYiputa ebeke imithetho ebangela ukuba amaNgqina angakwazi ukunqula ngokukhululekileyo, abasemagunyeni baye “bawaphatha njengezaphuli-mthetho.” Ngoko uye wavuyiswa kukufunda inqaku kwi-intanethi elithetha ngale nto.

NgoAgasti 19, 2016, uShbab Misr wakhupha inqaku elithi “UGqr. Riham Atef Uyabhala: AmaNgqina KaYehova,” kwenye iwebhsayithi yeendaba yaseYiputa. UGqr. Atef, isekela leprofesa yeYunivesithi yaseCairo nokwayintatheli, wabhala ngempazamo abanayo abantu baseYiputa ngamaNgqina KaYehova. Lo gqirha uqhelene namaNgqina KaYehova. Emva kokwenza uphando ngawo wathi: “Ndiqinisekile ukuba angabantu abanobuntu nabazihloniphayo iinkolelo zabanye.”

“Akhuthaza Uthando Noxolo”

UGqr. Atef wathi ubhalela “abantu abangazi kwanto ngamaNgqina KaYehova nabo bawacaphukela ngenxa yezinto ezibubuxoki abazive zithethwa.” Kweli nqaku lakhe uthetha ngezinye zezinto azikholelwayo amaNgqina aze athi ukuze umntu ave “ezinye izinto ngawo makaye kwiwebhsayithi yawo, ethi www.pr418.com.”

Emva kokuba efumene konke ebefuna ukukwazi ngawo, lo gqirha wabona ukuba ahluke mpela kwindlela aziwa ngayo eYiputa. Wathi: “Andisiboni isizathu sokuba uvalwe umsebenzi wawo. Awathathi cala kwiipolitiki. . . . Akhuthaza uthando noxolo.” Waphinda wathi: “Zezi zinto ezibangela ukuba umsebenzi wawo uvalwe? Okanye kungenxa yokuba iimfundiso zawo zeBhayibhile zahlukile kwezezinye iicawa?”

‘Ingaske Ude Uvulwe Umsebenzi Wethu’

UMnu. Samir walithanda kakhulu eli nqaku de waziva enyanzelekile ukuba abhalele umhleli ileta yokumbulela. Wathi: “Kumanqaku endikhe ndawafunda, ambalwa athetha kakuhle ngamaNgqina KaYehova. Ndiyambulela uGqr. Riham Atef ngokuba nesibindi nokunyaniseka kwakhe.” NgoDisemba 11, 2016, la mazwi kaMnu. Samir akhutshwa kule webhsayithi yeendaba.

Kwileta yakhe, uMnu. Samir wachaza indlela adane ngayo kukuphathwa kakubi kwamaNgqina, waza wathi loo nto ibangelwa bubuxoki obuthethwa ngabefundisi beecawa. Naye uye waphathwa kakubi ngenxa yobu buxoki. Uthi: “Ukuze umazi umntu, thetha naye. Ndiyambulela uGqr. Riham Atef ngento ayibhalileyo.”

UMnu. Samir wagqibezela ileta yakhe ngala mazwi: “Ingaske ude uvulwe umsebenzi wethu ukuze sikwazi ukunqula ngokukhululekileyo elizweni lethu.”

Ithemba Lokunqula Ngokukhululekileyo

Kwiminyaka emininzi edlulileyo, amaNgqina KaYehova ayenqula ngokukhululekileyo eYiputa, nonqulo lwawo lubhaliswe ngokusemthethweni. Ngo1960 lohluthwa elo lungelo lisemthethweni, namanye anikwa iicawa zamaKristu zaseYiputa.

Ukususela ngoko, amaNgqina KaYehova aseYiputa khange ayeke ukubonisa ukuba angabahlali abazilungeleyo “nabakhuthaza uthando noxolo” njengokuba noGqr. Atef wayetshilo. NjengoMnu. Samir, baninzi ababawela ukubona amaNgqina KaYehova ebuyiselwe amalungelo awo aze anqule ngokukhululekileyo eYiputa.