Yiya kwinkcazelo

Eritrea

Izinto Ezibalulekileyo ezenzeke e-Eritrea

Izinto Ezibalulekileyo ezenzeke e-Eritrea
  1. NGOAPRILI 2014—Amagosa abamba aza agcina amaNgqina angaphezu kwe-120 (amadoda, abafazi, nabantwana) kuba beye baya kwiintlanganiso, abaninzi baphinda bakhululwa

  2. NGOJULAYI 8, 2008—Amagosa agqogqa imizi neendawo asebenzela kuzo amaNgqina aza abamba ayi-24

  3. NGOMEYI 2002—Urhulumente uvala onke amaqela enkonzo, kuze kushiyeke amane avunyelwe ngurhulumente

  4. NGO-OKTOBHA 25, 1994—Urhulemente wakhupha umyalelo wokuba amaNgqina kaYehova angabi ngabemi belizwe waza wathatha namalungelo abo

  5. NGOSEPTEMBA 17, 1994—Amagosa abamba uPaulos Eyassu, u-Isaac Mogos, noNegede Teklemariam bengenatyala

  6. NGO-1994—Amagosa abamba aza avalela amaNgqina kaYehova etrongweni

  7. NGOAPRILI 27, 1993—IEritrea yakhululeka ekuphathweni yiEthiopia

  8. NGO-1954—Iqela elincinci lamaNgqina kaYehova laqalisa ukudibana