Yiya kwinkcazelo

AmaNgqina kaYehova amathathu enxibe iimpahla zesintu, afote neendwendwe ezimbini ezize endibanweni.

NOVEMBA 22, 2018
Georgia

Bekuqala Ukubakho Indibano Ekhethekileyo eTbilisi, Kwilizwe LaseGeorgia

Bekuqala Ukubakho Indibano Ekhethekileyo eTbilisi, Kwilizwe LaseGeorgia

Ukususela ngo-Julayi 20-22, 2018, abazalwana noodade baseGeorgia bamkele iindwendwe ezisuka kumazwe ayi-18 ebizize kwiNdibano Ekhethekileyo ethi “Yiba Nesibindi”! ebiqhutywa kwidolophu elikomkhulu iTbilisi. Le ndibano ikhethekileyo yokuqala eGeorgia ibineentetho ezikhuthazayo ezisekelwe eBhayibhileni, nabazalwana benobubele, kwaza kwakho nemidlalo ebonisa imbali yaseTbilisi.

Le ndibano ibiqhutywa kwiHolo yezeMidlalo, eseTbilisi, ibe bekukho abantu abayi-7 002 apho. Ibibukelwe kwiindawo ezimalunga ne-80 eGeorgia, lilonke inani, ngabantu abayi-21 500. Enye yezinto ezivuyisayo ngabantu abayi-208 abaye babhaptizwa. Eyona nto ibimnandi nakakhulu kukubona abazalwana noodade abatsha abayi-208 abaye babhaptizwa.

Ezinye zezinto abaye bazonwabela abazalwana ngaphandle kwendibano, kukuboniswa imifanekiso nezinto zembali yaseGeorgia. AmaNgqina kaYehova asekuhlaleni aye amkela iindwendwe ngeengoma ezimnandi, adanisa, aphekela iindwendwe ukutya okumnandi kwasekuhlaleni, aze ababonisa iindawo zaseTbilisi.

UTamaz Khutsishvili ongummeli weofisi yesebe laseGeorgia, uthi: “Besingasoloko sivunyelwa ukuba senze izinto zethu zenkonzo apha kweli lizwe lethu. Kodwa ngenxa yokusebenzisana nabasemagunyeni basekuhlaleni, siye sakwazi ukwamkela abazalwana noodade wethu abaninzi abasuka kwamanye amazwe ukuze sonwabele le ndibano ibimnandi kangaka.”—Roma 15:7.

 

Le ndibano ibiqhutywa kwiHolo yezeMidlalo, eseTbilisi, ngoJulayi ukususela nge-20 de kwayi-22 ngo2018, ibe bekukho abantu abayi-7 002 apho. Ukongezelela, abantu abayi-14 912 kulo lonke ilizwe laseGeorgia bebeyibukele le ndibano ngexesha ebiqhutywa ngalo.

Umzalwana uStephen Lett, olilungu leQumrhu Elilawulayo ebenikela intetho yokugqibela kuzo zontathu ezi ntsuku.

Eyona nto ibimnandi nakakhulu kukubona abazalwana noodade abatsha abayi-208 abaye babhaptizwa. Iqula ebekubhaptizelwa kulo belibekwe kufutshane nodonga lwale Holo.

Le ndibano ibibukelwe kwiindawo ezahlukeneyo ezimalunga neziyi-80.

Oodade baseGeorgia bamkela iindwendwe ezisuka kumazwe ahlukahlukeneyo. Omnye udade wasekuhlaleni unxibe umnqwazi owenziwe ngoboya begusha, oqhele ukunxitywa kakhulu kwiindawo ezisentabeni eGeorgia.

Kwenziwe nelinye ilungiselelo lokonwabisa iindwendwe ngoJulayi 17 nange-18 kwindawo ekuthiwa yiChâteau Mukhrani ekwilali yaseMukhrani, engakudanga eTbilisi. Apho bekukhaliswa umculo wesintu waseGeorgia, kudaniswa, kwaza kwakho neevidiyo ezimbini ezichaza imbali yamaNgqina kaYehova kweli lizwe.

AmaNgqina asekuhlaleni aye enza umdaniso ekuthiwa yiAdjaruli (lo mdaniso uthiywe ngegama lendawo ekuthiwa yiAdjara esecaleni koLwandle Olumnyama, eGeorgia). Xa kusenziwa lo mdaniso kuye kunxitywe impahla zesintu zaseAdjara.

Abazalwana basekuhlaleni bacula iingoma ngendlela ezaziculwa ngayo kudala eGeorgia.