Yiya kwinkcazelo

OKTOBHA 14, 2014
Georgia

INkundla YaseYurophu Yamalungelo Abantu Ixhasa Umthetho WaseGeorgia

INkundla YaseYurophu Yamalungelo Abantu Ixhasa Umthetho WaseGeorgia

Ngo-Oktobha 7, 2014, iNkundla yaseYurophu Yamalungelo Abantu iye yawisa isigwebo esixhas’ amaNgqina kaYehova eGeorgia. Kwiminyaka eyi-12 eyadlulayo, kwavulwa ityala elithi, Begheluri and Others v. Georgia, elibandakanya abantu abayi-99 abaye baxhatshazwa ngezenzo okanye ngamazwi izihlandlo eziyi-30. Bonke aba ngaphandle nje komnye, bangamaNgqina kaYehova. Le ngxaki iqale xa amapolisa athi ngenkohlakalo agxagxamisa amaNgqina kwiindibano zawo aphinda enza okufanayo emakhayeni, ezinkundleni nasezitratweni.

Isigwebo sale nkundla saveza nento yokuba kuye kwakho izimangalo ezimalunga neziyi-160 eziye zafakwa kubacuphi, yaye kubonakala ngathi ezinye zezi ntlaselo bezixhaswa ngamapolis’ uqobo. Kodwa ke ezi zimangalo ziye azabonelwa ntweni. Kuba abamangalelwa bengazange bohlwaywa, baqhubeka nento ababekade beyenza.

Uhlaselo lwangoSeptemba 8, 2000, kwindibano yenkonzo yamaNgqina kaYehova eZugdidi

Ngokomzekelo, ngoSeptemba 8, 2000, kwakuhlanganisene amaNgqina amalunga nayi-700 kwisixeko saseZugdidi. Ngequbuliso, kwagaleleka amapolisa aza atshisa isakhiwo esasineqonga, abetha nabantu abamalunga nabayi-50. Abantu ababethwayo bafaka izimangalo ngoko nangoko. Kodwa ke abasemagunyeni bala ukubamba abarhanelwa, amaNgqina asala engenamthetheleli.

INkundla YaseYurophu Yamalungelo Abantu Iyayigxeka Into Yokuba Amagunya Engakhawulezi Ancede

Ngenxa yokuba abamangalelwa bengazange bohlwaywe nangenxa yokuba eli tyala lingazange liphandwe kakuhle abo bahlaselwayo badibanis’ iintloko baza bafaka isimangalo kwiNkundla yaseYurophu Yamalungelo Abantu ngo-2002.

Kwisigwebo esawiswa ngo-Oktobha 7 le nkundla yafumanisa ukuba “abasemagunyeni baseGeorgia baye bafak’ umoy’ ombi ebantwini bonke nxamnye namaNgqina kaYehova yaye oko kwakhokelela ekubeni ahlale ehlaselwa kulo lonke eli.” Inkundla yaphinda yaphawula ukuba ezi ntlaselo “zaqala ukwenza abantu abawakhathalela amaNgqina kaYehova” yaye “abasemagunyeni babecinga ngolo hlobo nabo . . . , loo nto ibonisa ukuba nabo babeyikhuthaza le nto.”

“Abasemagunyeni baseGeorgia baye bafak’ umoy’ ombi ebantwini bonke nxamnye namaNgqina kaYehova yaye oko kwakhokelela ekubeni ahlale ehlaselwa kulo lonke eli.”

Begheluri and Others v. Georgia, no. 28490/02, 7 Oktobha 2014 iphe. 40, isiqe.145

INkundla yaseYurophu Yamalungelo Abantu yabagweba abasemagunyeni baseGeorgia ngokuba baye baphatha ngokungekho-mthethweni abantu abayi-47 yaye baye baphazamisa nenkululeko yonqulo yabantu abayi-88. Le nkundla yayalela urhulumente kuba “alungise zonke iingxaki ezikhoyo” aze ayeke “ukungawakhathaleli amaNgqina.” Le nkundla yaphinda yathi urhulumente umele akhuphe intlawulo yemali engaphezu kwe-R630 000.

Iimeko ZamaNgqina KaYehova AseGeorgia Ziphucukile

Nangona imeko yamaNgqina iye yaphucuka eGeorgia ukususela ngo-2004, asaqhubeka efumana ehlaselwa ngamaxesha athile. Ngo-2013 amaNgqina ahlaselwa kangangezihlandlo eziyi-53. Isigwebo esiwiswe kwityala likaBegheluri sibophelela urhulumente waseGeorgia ukuba akhawuleze enze uphando nakweziphi izimangalo ezivakalayo. AmaNgqina kaYehova alindele ukuba urhulumente uza kubavalela abo bawahlasela ngenkohlakalo.