Yiya kwinkcazelo

JUNI 22, 2015
Georgia

INkundla Yamalungelo Abantu YaseYurophu Iyakwamkela Ukuvuma KweGeorgia Ukuba Inyhashe Amalungelo AmaNgqina KaYehova

INkundla Yamalungelo Abantu YaseYurophu Iyakwamkela Ukuvuma KweGeorgia Ukuba Inyhashe Amalungelo AmaNgqina KaYehova

INkundla Yamalungelo Abantu YaseYurophu ikwamkele ukuvuma kukarhulumente waseGeorgia ukuba uye wabangela ilungelo lenkululeko yonqulo nelenkululeko yokukhetha iqela labantu ofuna ukuba kunye nalo angafunyanwa ngamaNgqina kaYehova. Ityala eliphakathi kweUnion of Jehovah’s Witnesses and Others v. Georgia libonisa ukuba urhulumente ufuna ukuvala imibutho esemthethweni emibini yamaNgqina kaYehova. Ngenxa yoko ukususela ngo-2001 ukuya kutsho ngo-2004 amaNgqina aye ahlaselwa ngokuqatha kunangaphambili.

INkundla Yamalungelo Abantu YaseYurophu Iyakwamkela Ukuvuma KweGeorgia Ityala

Kwisigqibo sayo esapapashwa ngoMeyi 21, 2015, * INkundla Yamalungelo Abantu YaseYurophu yathi, ngoSeptemba 2014 urhulumente uye wavuma yaye “ufuna ukuxolisa ngokunyhasha” amalungelo amaNgqina kaYehova. Wavuma nokuba ukuvala imibutho esemthethweni yamaNgqina ngo-2000 “kwakungenasihlahla” nokungabikho komthetho ofanelekileyo kwenze ukuba loo mibutho ingakwazi ukubhaliswa.

Le nkundla yakwamkela oku njengesizathu esifanelekileyo sokulivala ityala. Yathi, “ngokungavumeli amaqela onqulo athile ukuba abhalise okanye ukuthi ukubhalisa kwawo akukho semthethweni, amagunya abandakanyekilieyo abangela ukuba inkululeko yonqulo neyokhetha iqela labantu ofuna ukuba kunye nabo angafumaneki kwabo bacela ukubhaliswa, ibe oko akuvisisani noArticle 11 weSindululo omele ufundwe kunye noArticle 9.” Urhulumente wavuma ukuhlawula i-6 000 yeeyuro yelahleko nencitho.

Ukuphelisa Isivumelwano Sokubhaliswa Semibutho Esemthethweni Kukhokelela Ekutshutshisweni Iminyaka

Imibutho emibini, iUnion of Jehovah’s Witnesses neRepresentation of the Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania (USA) eGeorgia, yabhaliswa ngokusemthethweni ngo-1998. Nakuba kunjalo, ilungu lepalamente elalinenzondelelo ebaxiweyo lalifuna ukuba amaNgqina kaYehova angabikho apho eGeorgia. Ezinye iinkokeli zonqulo zamaOthodoki zazilixhasa ngokuthetha nokusasaza izinto ezingekhoyo nokubangela ukuba amaNgqina ahlaselwe.

NgoAprili 1999, eli lungu lepalamente, njengommeli wombutho walo lezopolitiko, lafaka isikhalazo kwiNkundla Yesiphaluka i-Isani-Samgori yaseTbilisi ukuba kuvalwe umsebenzi wamaNgqina kaYehova nokuba kupheliswe izivumelwano zokubhaliswa kwemibutho yawo emibini esemthethweni. Xa laqaliswa ukuxoxwa ityala ngoJuni 1999, abefundisi bamaOthodoki nabalandeli babo babekhona ngaphakathi enkundleni. Ngaphandle, owayekiswayo kubufundisi kwicawa yamaOthodoki, uVasili Mkalavishvili, nabalandeli bakhe batshisa ekuhleni iincwadi zonqulo zamaNgqina kaYehova.

Emva kokuhlola ubungqina, iNkundla Yesiphaluka i-Isani-Samgori yasichitha isimangalo selungu lepalamente njengesingenasihlahla. Labhena. NgoJuni 26, 2000, inkundla yesibheno yasishenxisa isigqibo senkundla yamatyala yaza yayalela ukuba izivumelwano zokubhaliswa kwemibutho esemthethweni yamaNgqina kaYehova zipheliswe. Emva kokuba kuphume eso sigqibo, amaOthodoki anenzondelelo ebaxiweyo asebenzisa elo thuba ukuze aphembelele ukuhlaselwa kanobom kwamaNgqina. NgoFebruwari 22, 2001, iNkundla Ephakamileyo yaseGeorgia yavumelana neso sigqibo, isithi akukho mthetho ukhoyo owenza ukuba bangakwazi ukugweba nxamnye namaNgqina. Bezame zonke iinkundla zasekuhlaleni, ngoAgasti 16, 2001 amaNgqina kaYehova afaka isicelo kwiNkundla Yamalungelo Abantu YaseYurophu.

Emva kwesigqibo seNkundla Ephakamileyo, amaNgqina atshutshiswa aza ahlaselwa ngokuqatha kunangaphambili. Kwizihlandlo ezininzi, amapolisa aye awawakhusela amaNgqina, ade abancedise abo bawahlaselayo. AmaNgqina amaninzi onzakala kakhulu. Abanquli abanenzondelelo ebaxiweyo bawahlasela bephazamisa iintlanganiso zawo zonqulo, batshisa izindlu zawo, beba baza batshabalalisa izinto zawo kwaye batshisa neencwadi zawo. Abasemagunyeni zange bawavumele amaNgqina ukuba angenise iincwadi zawo kwelo lizwe yaye bazixutha ezo zazisele zingenisiwe ngaphambili. Zange bawavumele nokuba baqeshe izakhiwo ukuze akhonzele kuzo amaNgqina. Ngenxa yentshutshiso eyayiqatha nokungakhuselwa ngurhulumente, amaNgqina kaYehova eGeorgia afaka isicelo kwiNkundla Yamalungelo Abantu YaseYurophu, bechaza indlela aphathwa kakubi ngayo nokubandakanyeka kwamapolisa koko. Kumatyala amabini asele echotshelwe, iNkundla Yamalungelo Abantu YaseYurophu yagqiba ekubeni amaNgqina aliphumelele ityala. *

Njengoko iimeko zaqalisa ukubangcono eGeorgia, amaNgqina akwazi ukubhalisa imibutho yawo ukuze akwazi ukubangabanini bezakhiwo nokwenza ezinye izinto zomthetho. Kwangelo xesha, abasemagunyeni baseGeorgia abamba aze avalela uMkalavishvili, oyena mntu owayephambili ekuwahlaseleni kunye nabalandeli bakhe. AmaNgqina ayeka ukutshutshiswa ngokuqatha ngo-2004.

Indlela Eyiyo Imeko Ngoku

Nangona impatho yamaNgqina kaYehova eGeorgia iye yaphucuka njengoko iminyaka ihamba, asafumana izidubedube ngamaxesha athile xa besenza izinto zonqulo. Ingxelo eye yathunyelwa kutsha nje kuMbutho Wezokhuseleko Nentsebenziswano iye yabonisa ukuba kunyaka ka-2014, kangangezihlandlo eziyi-63 kuye kwahlaselwa amaNgqina kaYehova ngenxa yentiyo eGeorgia.

UMichael Jones, ummeli wamaNgqina kaYehova walapho, wathi: “Siyibulela kakhulu iNkundla Yamalungelo Abantu YaseYurophu ngokubona ukuba amaNgqina aye aphathwa kakubi kule minyaka idlulileyo. Siyavuya ukubona iGeorgia izimisele ukukhusela amalungelo abantu, siyathemba ukuba esi sigqibo, kunye nezinye izigqibo ezilungileyo zeNkundla, zizakwenza ukuba aphathwe kakuhle kuze kuwanike inkululeko yonqulo engakumbi amaNgqina kaYehova eGeorgia.”

^ isiqe. 4 INkundla Yamalungelo Abantu YaseYurophu yagqiba ngesigwebo ngoAprili 21, 2015, kodwa yasikhupha kwinyanga elandelayo.

^ isiqe. 10 Members of the Gldani Congregation of Jehovah’s Witnesses and Others v. Georgia, no. 71156/01, 3 May 2007; and Begheluri and Others v. Georgia, no. 28490/02, 7 October 2014.