Yiya kwinkcazelo

JULAYI 2, 2015
Rwanda

Inkundla YaseRwanda Ayiluxhasi Ucalucalulo Lwezonqulo

Inkundla YaseRwanda Ayiluxhasi Ucalucalulo Lwezonqulo

Inkundla yesithili saseKarongi eRwanda yathi abantwana besikolo abasibhozo abangamaNgqina kaYehova banelungelo lokunqula ngendlela abayithandayo. Kwakuxoxwa ngokungavumi kwabo ukungena iiklasi zonqulo.

Izikolo ezininzi eRwanda zinobuhlobo neecawa. Ezinye zazo zinyanzela abafundi ukuba bakhonze yaye bakhuphe inkongozelo. Ngenxa yokuba abantwana besikolo abangamaNgqina kaYehova bengafuni ukukwenza oko, phakathi kuka-2008 no-2014 abaphathi bezikolo bagxotha abantwana abayi-160. Nangona le meko isaqhubeka apho, ityala laseKarongi, kwiPhondo laseNtshona, libonisa ukuba abasemagunyeni baseRwanda bayakwazi ukumelana ngempumelelo nocalucalulo lwezonqulo.

Ukugxothwa Esikolweni Ngenxa Yocalucalulo Lwezonqulo

NgoMeyi 12, 2014, abaphathi beSikolo iGroupe Scolaire Musango esiseKarongi, bagxotha abantwana abasibhozo abangamaNgqina, abaneminyaka esusela ku-13 ukuya kutsho ku-20, * ngenxa yokungafuni ukungena inkonzo apho. Abazali babo bawusa lo mbandela kuNobhala Oyintloko waseRwankuba, owayalela ukuba babuyiselwe esikolweni. Bengavumelani neso sigqibo, abaphathi besikolo beza nelinye iqhinga, babatyhola ngokungawuhloneli umhobe wesizwe kuba bengafuni ukuwucula. NgoJuni 4, 2014, emva kweentsuku nje ezimbini bebuyiselwe esikolweni, kwafika amapolisa ababamba.

Amapolisa abagcina eluvalelweni iintsuku ezintandathu. Aboyikisa ebathuka aza ababetha kanobom ababini abangabona badala kuba esithi bafaka umoya wezikhova aba bancinci. Nangona babephethwe kakubi, bosibhozo zange bazilahle iinkolelo zabo.

Inkundla Ikhulula Abantwana Besikolo

NgoJuni 9, 2014, amapolisa akhulula abantwana abasixhenxe waza umtshutshisi walirhoxisa ityala loyena umncinci kubo. Kodwa oyena mdala kubo waqhubeka evalelwe iintsuku ezisithoba. Ijaji yayalela ukuba akhululwe kodwa abekwe esweni ngabasemagunyeni, de kuxoxwe ityala ngo-Oktobha 14, 2014.

Xa kwakuxoxwa ityala, ijaji yabuza imibuzo kumfundi ngamnye. Omnye wabo ethethela yena nabanye wachaza esona sizathu sibangele ukuba bagxothwe, asikokungafuni ukucula umhobe wesizwe kodwa sikukuba bengafuni ukukhupha inkongozelo nokungena icawa esikolweni.

Ijaji yathi umtshutshisi makeze nobunye ubugqina obuxhasa isityholo sokungahloneli umhobe wesizwe. Xa umtshutshisi wabaphek’ ebophula ngemibuzo ukuze afumane ubungqina, abafundi babonisa ukuba babengabaphazamisi abanye xa becula umhobe wesizwe.

Kwisigqibo sayo esakhutshwa ngoNovemba 28, 2014, i-Intermediate Court yaseKarongi yathi isenzo sokungaculi umhobe wesizwe asifanele sijongwe njengokungawuhloneli. Isigqibo senkundla sasivisisana nomthetho, sakhulula abantwana kwaye sinokunceda ekupheliseni ucalucalulo lwezonqulo eRwanda.

Isicelo Sokuba Kuhlonelwe Amalungelo Asisiseko

AmaNgqina kaYehova eRwanda anombulelo omkhulu kuba iziphumo zetyala zabantwana besikolo iGroupe Scolaire Musango zazincumisa. Noko ke, kwezinye iimeko, abantwana abangamaNgqina abaye bagxothwa esikolweni ngenxa yeenkolelo zabo, kuye kunyanzeleke ukuba baye kwezinye izikolo. Abanye abantwana abakwazi kuqhubeka besiya esikolweni kuba kuye kufuneke baye kwizikolo ezingezizo ezikarhulumente ezibiza imali eninzi, iintsapho zabo ezingenayo.

Njengabanye abazali, abazali abangamaNgqina nabo bafuna abantwana babo baxhamle kwimfundo. Bafuna abantwana babo bayazi indlela yokuphila baze babeluncedo ekuhlaleni. AmaNgqina kaYehova ayathemba ukuba isigqibo senkundla yaseKarongi siza kwenza izikolo zaseRwanda zihlonele ilungelo labantwana lenkululeko yesazela neyonqulo.

^ isiqe. 5 ERwanda, iminyaka yokufikelela kubuntu obudala ngu-21 (Article 360 of the Civil Code).