Yiya kwinkcazelo

MEYI 3, 2016
Turkmenistan

Amapolisa Abetha Abo Babeze Kwisikhumbuzo Sokufa KukaKristu eTurkmenabad

Amapolisa Abetha Abo Babeze Kwisikhumbuzo Sokufa KukaKristu eTurkmenabad

Ngo-Matshi 23, 2016, amapolisa ambhonzeleka ukuza kuphazamisa amaNgqina kaYehova angama-20 kumzi awayehlanganisene kuwo ukuze babenesikhumbuzo sokufa kukaKristu sanyaka ngamnye eTurkmenabad. Ngenxa yokungakwazi ukungena phakathi kuloo ndlu, amapolisa aqhubeka ehleli phandle. Akekho owayezimisele ukuphuma endlwini ngoko bahlala khona ubusuku bonke.

Ngosuku olulandelayo, amapolisa amane aqhekeza kuloo ndlu aze angena. Abetha amanye amaNgqina ibe ayendlongondlongo kangangokuba kwafuneka lisiwe esibhedlele ibhinqa elalikhulelwe. Bonke bathathwa baza basiwa kwisikhululo samapolisa, apho amadoda amabini angamaNgqina abethwayo. NgoMatshi 25, bonke abo babebanjiwe bakhululwa ngaphandle kwendoda eyagcinwa eluvalelweni iintsuku ezili-15. NgoAprili 19, abasemagunyeni bahlawulisa amaNgqina asixhenxe ibe ngamnye kuwo wayehlawula i- $143 nangona kungazange kubekho sigqibo senkundla ngokuphathelele la maNgqina.