Yiya kwinkcazelo

AGASTI 27, 2014
Turkmenistan

Umama Wonyana Oneminyaka Emine Ugwetywa Ngokungekho-mthethweni ETurkmenistan

Umama Wonyana Oneminyaka Emine Ugwetywa Ngokungekho-mthethweni ETurkmenistan

Kwelinye igumbi elajikwa lenziwa inkundla eDashoguz, eTurkmenistan, iJaji uGagysyz Orazmuradov yagweba uBibi Rahmanova oneminyaka eyi-33 ngokungekho-mthethweni ngezityholo ezingenasihlahla. NgoAgasti 18, uBibi ongumama wonyana oneminyaka emine, wafunyaniswa enetyala “lokubetha ipolisa” “nelokungalawuleki.” * Ijaji yamthi nka ngesigwebo esinzima—iminyaka emine ngapha kwezitshixo.

Babanjwa Kwisitishi Sikaloliwe

Le ngxaki kaBibi iqale ngengokuhlwa yangoJulayi 5, 2014, xa yena, unyana nomyeni wakhe uVepa Tuvakov baya kwisitishi sikaloliwe eDashoguz beye kuthatha uncwadi lonqulo olwalusuka kumhlobo wabo eAshgabad. Emva kokuba belufumene olu ncwadi, kwathi gqi amapolisa amathandathu ezinxibele iimpahla zawo, ababamba aza afuna ukubona imithwalo. Afumana ikhompyutha noncwadi lwamaNgqina kaYehova, aza athukisa etyityimbisel’ umnwe aba bakwaTuvakov ukuba unyana wabo uya kuba yinkedama.

UBibi waqalis’ ukurekhoda ngefowuni yakhe waza wayifihla kuba la mapolisa ayefuna ukuyohlutha. Amapolisa amtsala ngeenwele, amkhaba, ambetha aza ambamba. Uthe esabanjiwe, elinye ipolisa lamphathaphatha njengoko lalikhupha ifowuni yakhe. UBibi walisusa elo polisa kodwa akazange ale ukubanjwa okanye alwe nawo njengoko ayembetha.

UBibi, uVepa nonyana wabo

Amapolisa ayithatha le ntsapho yakwaTuvakov ayisa kwisikhululo samapolisa, akufika apho, afuna uVepa atyobele uxwebhu olusele lubhaliwe kakade lwesi sehlo. UVepa wala. Amapolisa ambethel’ oogqirha nezicaka ngoxa uBibi nonyana wakhe bekwelinye igumbi. Akazange avume nakubeni kunjalo. NoBibi kwelakhe icala wala ukutyobela olu xwebhu, naye wabethwa kanobom. Amapolisa amvalela uBibi nonyana wakhe aze amkhulula ngosuku olulandelayo. * Emva kokuba uBibi efake izikhalazo kwabasemagunyeni baseTurkmenistan, umyen’ wakhe uVepa wakhululwa emva kweentsuku ezimbalwa ngoJulayi 11. Bezimisele ukubabonis’ amaqhekez’ engqele, amapolisa esixeko saseDashoguz aqalis’ ukuphanda uBibi nomyeni wakhe.

Ukubanjwa, Ukuvalelwa Nokuxox’ enkundleni

UBibi watyholwa ngoAgasti 6, wavalelwa ngoAgasti 8 waza wema enkundleni ngoAgasti 18. Ebudeni beli tyala, kwacaca gca ukuba iJaji uOrazmuradov ikhetha amacala. Kangangezihlandlo eziliqela, yayilibeth’ emlonyeni igqwetha likaBibi xa lizama ukumthethelela. Xa amapolisa ayenikela ingxelo yobuxoki, ayizange ilivumele igqwetha likaBibi ukuba likhe lihlab’ imibuzo. Ijaji yaphinda yanqanda uVepa xa ezama ukuthetha ngendlela eyaphathwa ngayo inkosikazi yakhe yaza ayavuma nokuba kudlalwe la fowuni iye yarekhoda esi sehlo. Ijaji yamfumanisa enetyala uBibi yaza yawisa isigwebo seminyaka emine ngapha kwezitshixo. UBibi usavalelwe, kodwa kufuneka abhene ngoAgasti 28. Ukuba isibheno sakhe sikhatyiwe, angasiwa kwenye intolongo esemagqagaleni aseSeydi. Uza kohluthwa inkululeko yakhe, yaye akazi kukwazi ukukhulisa unyana wakhe.

Nangona uVepa engekenziwa nto yena, kungenzeka ukuba atyholwe, asiwe enkundleni ngobungqina bobuxoki aze agwetywe ngokungekho semthethweni. Ukuba oku kuyenzeka, unyana wabo akazi kuba nabo bobabini abazali. Ayithetheleleki tu impatho elolu hlobo.

Ukukhalela Uncedo

Sekumzuzu iTurkmenistan iwaphatha kakubi amaNgqina kaYehova, ingawaniki amalungelo asisiseko. AmaNgqina kaYehova ehlabathini lonke kunye nabanye abantu abawahlonelayo amalungelo abantu okukhonza ngokukhululekileyo, bajonge kurhulumente waseTurkmenistan ukuba alungise lo monakalo.

^ isiqe. 2 Umntu ongalawulekiyo okanye osokolisa amapolisa angavalelwa iminyaka ide ibe mihlanu.

^ isiqe. 6 Unyana wabo wakhululwa kusasa ngoJulayi 6 waza wahamba nesinye isizalwana sakhe; uBibi yena walandela kamva kwangolo suku.