Yiya kwinkcazelo

SEPTEMBA 22, 2014
Turkmenistan

Umama WaseTurkmenistan Ukhululwe Entolongweni

Umama WaseTurkmenistan Ukhululwe Entolongweni

UBibi Rahmanova nentsapho yakhe

UBibi Rahmanova wakhululwa entolongweni ngo-8:00 ebusuku ngoSeptemba 2, 2014, kodwa azizange zichithwe izityholo awayebekwa zona. Kusasa ngolo suku, iijaji zeNkundla yeNqila yaseDashoguz zaqwalasela isibheno sakhe. Nangona zingazange zizichithe izityholo zobuxoki ezazimtyabeka ngazo, zasixhoma isigwebo sakhe seminyaka emine * zimkhulula ngemiqathango zaza zayalela ukuba akhululwe ngoko nangoko entolongweni. Isigqibo seejaji saqwalasela neemeko zikaBibi kaloku ngumama wonyana oneminyaka emine yaye akazange akhe ophule umthetho ngaphambili.

UBibi wafaka isibheno enkundleni emva kokugwetywa kwakhe ngoAgasti 18 ngokumangalelwa ngobuxoki kusithiwa “ubethe ipolisa” yaye “akalawuleki.” Amapolisa amndlandlathekisa uBibi nomyeni wakhe, uVepa, ngoJulayi 5 kwisikhululo sikaloliwe eDashoguz, beyokuphuthuma impahla yabo eyayiquka iincwadi zonqulo. Kamva izityholo awayebekwa zona uVepa zachithwa. Noko ke, yena uBibi, wavalelwa entolongweni ngoAgasti 8. Ngoxa wayesentolongweni, uBibi wabethwa kanobom.

Ukungabikho Kobulungisa ETurkmenistan

Amagqwetha kaBibi amazwe angaphandle athi, ukunxakama kwamazwe ngamazwe nako kwaba negalelo ekukhululweni kwakhe.

Asinguye yedwa iNgqina likaYehova eliphethwe ngale ndlela eTurkmenistan. Amalungelo amaNgqina asoloko enyhashwa kweli lizwe. AmaNgqina asibhozo athothoza entolongweni ngenxa yokholo lwawo, amathandathu ngenxa yokuthobela izazela zawo aze amabini avalelwe ngezityholo zobuxoki. Aphila phantsi kweemeko ezimandundu yaye aphethwe kakubi ngendlela engathethekiyo.

Okuvuyisayo kukuba iijaji zeNkundla yeNqila yaseDashoguz zazama ukuyilungisa imeko kaBibi, kodwa azizange zikulungise ukuphathwa kakubi kwakhe. Abo basixabisayo isidima somntu banethemba lokuba abasemagunyeni eTurkmenistan baza kuwuqwalasela ngeliso elibanzi lo mbandela baze basebenzise imithetho yamalungelo abantu amazwe ngamazwe ukuze bavumele inkululeko yonqulo elizweni labo.

^ isiqe. 2 Inkundla yenqila yasixhoma isigwebo sakhe seminyaka emine yaza yamgwebela ngaphandle iminyaka emithathu. Ekubeni egwetyelwe ngaphandle, umele aziphathe kakuhle angahambi okanye aye kuhlala kwesinye isixeko ngaphandle kwemvume yabasemagunyeni.