Yiya kwinkcazelo

MEYI 16, 2017
Turkmenistan

Ukhululwe UMansur Masharipov Kwintolongo YaseTurkmenistan

Ukhululwe UMansur Masharipov Kwintolongo YaseTurkmenistan

NgoMeyi 12, 2017, abasemagunyeni eTurkmenistan bakhulule uMansur Masharipov entolongweni. Uyakuvuyela ukuba kunye nentsapho yakhe emva kokuvalelwa phantse unyaka.

Ekuqaleni, uMnumzan’ uMasharipov akazange avume ukuya emkhosini ngenxa yokungavunyelwa sisazela sakhe. NgoMeyi 2004, iNkundla YaseDashoguz yamgweba iinyanga eziyi-18 kwinkampu yaseSeydi edume ngokuphatha kakubi abantu, ngokungabavumeli ukuba benze izinto abazifunayo nebangela ukuba babe nezifo. Wagula kakhulu, nangona wakhululwa ngokukhawuleza ngenxa yokuxolelwa kwamabanjwa okwenzeka ngoMeyi 2005. NgoJulayi 2014, amapolisa ambonzeleka kwakhe, akhangela izinto aza athatha iincwadi zakhe zenkonzo. Ngoxa wayevalelwe, amapolisa ambetha ngokuphindaphindiweyo, amgrogrisa aza amsa kwindawo yokunceda abantu abasebenzisa iziyobisi kodwa babengafuni ukumnceda endaweni yoko babefuna ukumtofa iziyobisi. Ezo zitofu zamgulisa ibe amanye amalungu omzimba wakhe awazange asebenze. Esoyikela ubomi bakhe, uMnumzan’ uMasharipov waqhwesha waza wazimela de wafunyanwa ngamapolisa aza amvalela ngoJuni 30, 2016.

AmaNgqina KaYehova ayavuya kuba ekhululwe uMnumzan’ uMasharipov. Kodwa ke, iyawakhathaza indlela aphathwa kakubi ngayo amaNgqina eTurkmenistan ukuze angakhonzi ngokukhululekileyo. AmaNgqina afuna kukhululwe noBahram Hemdemov. Ngoku uqala unyaka wakhe wesithathu ekwintolongo yaseSeydi ngenxa yokuqhuba inkonzo yamaNgqina endlini yakhe.