Yiya kwinkcazelo

AGASTI 29, 2017
EANGOLA

AmaNgqina KaYehova Akwindibano YaseAngola Afunyenwe Ngumsi Wegesi

AmaNgqina KaYehova Akwindibano YaseAngola Afunyenwe Ngumsi Wegesi

NgoLwesihlanu, ngoAgasti 25, 2017, amaNgqina KaYehova ayenendibano kwiHolo YeNdibano eseViana, kwidolophu yaseAngola iLuanda. Ngentsasa yangaloo mini kwangena abantu baphosa igesi kuloo holo nakwizindlu zangasese, yashiya abantu abayi-405 befeyintile. Kwathi kanti loo gesi ayibulali, ngoko akukho mntu wafayo. Basiwa esibhedlele, ibe abaninzi kubo banyangwa baza bakhawuleza bakhululwa. Ngaloo mvakwemini kwabanjwa amadoda amathathu. Amapolisa asaphanda.

Iofisi yesebe eseLuanda ithi bonke abo bantu baya besiba bhetele. Kuyabonakala ukuba abantu ababekuloo ndibano zange batatazele, kuba bakwazi ukunceda abo bafeyintileyo. Amapolisa abacebisa ukuba bangaqhubeki nendibano ngaloo mvakwemini, ibe benza loo nto. NgoMgqibelo, nge-26 ka-Agasti nangemini elandelayo indibano yaqhubeka kakuhle. Kwakuze abantu abayi-12 000 kwaza kwabhaptizwa abayi-188.

Onokuqhagamshelana Nabo:

Ehlabathini: UDavid A. Semonian, Office of Public Information, +1-845-524-3000

EAngola: UTodd Peckham, +244-923-166-760