Yiya kwinkcazelo

MEYI 7, 2015
EANGOLA

AmaNgqina Anceda Amaxhoba Ezikhukula EAngola

AmaNgqina Anceda Amaxhoba Ezikhukula EAngola

IHolo YoBukumkani yamaNgqina KaYehova yaseLobito ebigcwel’ udaka namanzi

ELUANDA, eAngola—Ukususela ngoMatshi 11, 2015, izantyalantyala zemvula zabangela izikhukula ezabulala abantu abayi-85 zadiliza nezindlu eziyi-119 kwiphondo laseBenguela, elimalunga neekhilomitha eziyi-500 ukusuka kwikomkhulu laseLuanda. Iofisi yesebe yamaNgqina KaYehova yaseAngola ithe akukho maNgqina aswelekileyo, kodwa izindlu eziyi-11 zamaNgqina ziye zadilika okanye zonakala kakhulu. ELobito, enye iHolo YoBukumkani, esisakhiwo sokunqulela, nayo iye yachaphazeleka.

Ngentsasa elandelayo, amaNgqina aye amisela ikomiti yokunceda kwintlekele ukuze ihlole umonakalo ize ilungiselele ukunceda. AmaNgqina aye anceda bonke ababechaphazelekile kuloo ngingqi, abangamaNgqina nabangengawo. KwiHolo YoBukumkani yaseLobito, amatsha-ntliziyo asusa udaka namanzi amaninzi kakhulu aza alungisa izinto kwangethuba ukuze ngempelaveki kubekho intlanganiso ekhethekileyo yokukhuthaza abazalwana. Abameli beofisi yesebe yamaNgqina KaYehova yaseAngola baya kwiintlanganiso besuka eLuanda, beyele ukuthuthuzela nokukhuthaza ngezibhalo amaNgqina asekuhlaleni.

Ngokuzithandela, amaNgqina asekuhlaleni aye acoca aza alungisa iHolo YoBukumkani yaseLobito

Isithethi samaNgqina KaYehova eAngola, uTodd Peckham, sithi: “Siyavelana nabo bonke abaye bachaphazeleka kule ntlekele. Iofisi yesebe yaseAngola iza kuqhubeka isongamela umsebenzi wekomiti yokunceda kwintlekele ize incede abantu basekuhlaleni.”

Media Contact(s):

International: J. R. Brown, Office of Public Information, tel. +1 718 560 5000

Angola: Todd Peckham, tel. +244 222 460 192