Yiya kwinkcazelo

MEYI 2, 2017
EARGENTINA

Imvula Enamandla Yonakalisile EArgentina

Imvula Enamandla Yonakalisile EArgentina

EBUENOS AIRES, eArgentina—Ekuqaleni kukaMatshi 29, 2017 kwada kwangoAprili  9, 2017, imvula enamandla ibangele izikhukula kumaphondo aseArgentina iBuenos Aires, iChaco, iChubut, iCatamarca, iJujuy, iMisiones, iLa Pampa, iSalta, iSan Juan, iSanta Cruz, iSanta Fe, iSantiago del Estero neTucumán. Iofisi yesebe yaseArgentina ikhuphe ingxelo yokuba akukho maNgqina KaYehova aswelekileyo okanye onzakaleyo kule ntlekele.

Iingingqi ezichatshazelweyo yile ntlekele yiChubut neSalta. EComodoro Rivadavia, eChubut, apho le mvula igalele kakhulu khona, iintsapho zamaNgqina ezingaphezu kweziyi-60 kwafuneka ziwashiye amakhaya azo. Ukongezelela koko, iindawo ezimbini ekukhonzelwa kuzo okanye iiHolo zoBukumkani eziseChubut naseSalta zonakaliswa yile mvula. Iofisi yesebe yamaNgqina KaYehova yaseArgentina ilungiselele ikomiti yokunceda ngexesha lentlekele kula maphondo mabini ukuze incede ibe kulindeleke ukuba iqhubeke inceda nezinye iiveki eziliqela.

Ongaqhagamshelana Nabo:

Ehlabathini: UDavid A. Semonian, Office of Public Information, +1-845-524-3000

EArgentina: UOmar A. Sánchez, +54-11-3220-5900