Yiya kwinkcazelo

OKTOBHA 16, 2017
EARMENIA

INkundla YaseYurophu Elwela Amalungelo Abantu Ivumela Abantu Abangavumiyo Ukuya Emkhosini Ngenxa Yezazela EArmenia Ukuba Balisebenzise Ilungelo Labo

INkundla YaseYurophu Elwela Amalungelo Abantu Ivumela Abantu Abangavumiyo Ukuya Emkhosini Ngenxa Yezazela EArmenia Ukuba Balisebenzise Ilungelo Labo

Ngo-Oktobha 12, 2017, INkundla YaseYurophu Elwela Amalungelo Abantu igwebe ngelithi amaNgqina KaYehova amane aseArmenia abanjwe ngokungekho semthethweni ngenxa nje yokungavumi ukwenza eminye imisebenzi kodwa enento yokwenza nomkhosi. Le Nkundla ithe la madoda mane avalelwe ngokungekho semthethweni kuba iArmenia iwanike omnye umsebenzi kodwa wabe unento yokwenza nomkhosi.

UArtur Adyan, uVahagn Margaryan, uHarutyun Khachatryan noGaregin Avetisyan bebekwityala lika-Adyan and Others v. Armenia ibe la madoda mane afunyaniswe enetyala ngo-2011 aza agwetywa iminyaka emibini enesiqingatha entolongweni. INkundla YaseYurophu Elwela Amalungelo Abantu ithe amatyala abekwe la madoda mane anyhasha inkululeko yawo yesazela neyokukhonza ngokweGaba 9 leSivumelwano SaseYurophu Samalungelo Abantu. IArmenia iyalelwe ukuba inike ngamnye kula madoda iidola eziyi-14 200 ngenxa yezinto ezibuhlungu eziwehleleyo ebudeni beli xesha esentolongweni.

La madoda mane afunyaniswe enetyala kamva nje emva kokuba iBhunga Eliphakamileyo leejaji zeNkundla YaseYurophu Elwela Amalungelo Abantu, kwityala likaBayatyan v. Armenia (ngo-2011), lithe iSivumelwano SaseYurophu Samalungelo Abantu siyalikhusela ilungelo abanalo abantu lokungavumi ukuya emkhosini ngenxa yezazela. * IArmenia iyalelwe ukuba ibanike eminye imisebenzi abantu abangavumiyo ukuya emkhosini ngenxa yezazela kuba ngoku benelungelo lokwenza njalo. Kodwa ke, eminye imisebenzi ibisenziwa ngaphambili eArmenia ibingahambelani nemigaqo yamazwe kuba ibinento yokwenza nomkhosi. La madoda mane awakhange avume ukwenza le misebenzi aza avalelwa, kuquka namanye amaNgqina KaYehova amaninzi. Kwityala likaAdyan, iNkundla YaseYurophu Elwela Amalungelo Abantu ithe iArmenia imele inike abantu abangavumiyo ukuya emkhosini ngenxa yezazela “eminye imisebenzi engenanto yakwenza nokuya emkhosini bengakhange boyikiswe nganto ibe ingabi ngumsebenzi wokubohlwaya ngandlel’ ithile.”

Ngasekupheleni kuka-2013, emva kokuba amadoda amane etyala lika-Adyan ekhululwe entolongweni, iArmenia yenza eminye imisebenzi engenanto yakwenza nokuya emkhosini. Ngenxa yoko, amaNgqina KaYehova aseArmenia angavumiyo ukuya emkhosini ngenxa yezazela awasavalelwa entolongweni kuba nje ethobela izazela zawo eziqeqeshwe yiBhayibhile ibe engavumi ukuya emkhosini. Akuvuyela kakhulu ukwenza eminye imisebenzi engenanto yakwenza nokuya emkhosini.

^ isiqe. 3 Ityala likaBayatyan v. Armenia [GC], no. 23459/03, INkundla YaseYurophu Elwela Amalungelo Abantu ngo-2011