JANUWARI 4, 2023
EAZERBAIJAN
Abazalwana URoyal Karimov NoSeymur Mammadov Baye Bakhululwa Ejele EAzerbaijan
Umzalwana uRoyal Karimov NoSeymur Mammadov baye bakhululwa kwindawo abebevalelwe kuyo eAzerbaijan. Ngenxa yezazela zabo, bobabini aba bazalwana khange bavume ukuya emkhosini.
Njengokuba ingxelo ibitshilo, inkundla yaseAzerbaijani zange isivume isicelo sikaSeymur sokwenza umsebenzi karhulumente endaweni yokuya emkhosini. Wafunyaniswa enetyala waza wagwetywa iinyanga eziyi-9 ejele ngoSeptemba 22, 2022. Esi sigwebo siyaphikisana nezigqibo ezibini ezaye zenziwa yiNkundla Yamalungelo Abantu YaseYurophu. Amagqwetha kaSeymur aye abhena kwesi sigqibo, ibe ngoDisemba 12, 2022, inkundla yeZibheno yaseGanja yasitshintsha isigwebo sokuvalelwa ejele ukuze afumane esokuxhonywa. Nangona uSeymur ekhululekile, uye wabhena kwiNkundla Ephakamileyo yaseAzerbaijan ukuba isitshintshe esi sigwebo singafanelekanga.
USeymur wayengavumelekanga ukuba abe neBhayibhile okanye afumane iileta xa wayesejele. Uthi: “Ngosuku lokugqibela ngaphambi kokuba ndiye enkundleni, ndabhala kwiphepha elincinci amazwi kaYoshuwa 1:5,6, athi: ‘Kanye njengokuba ndaba noMoses, ndiza kuba nawe. Andisoze ndikushiye, ndingasoze ndikulahle.’” Loo mazwi amomeleza uSeymur emva kokuba wabanjwa wasiwa ejele. Uthi, “Ezi vesi zaba yitekisi yam yosuku.”
Amagosa axelela umzalwana uRoyal ukuba avele eGadabay Region State Service ukuze anyanzelwe ukuba aye emkhosini ngoMeyi 30, 2022. URoyal zange avume ukuya emkhosini ngenxa yesazela sakhe ibe wacela ukuba enze umsebenzi karhulumente. Isicelo sakhe zange sivunywe. NgoJulayi 25, 2022, amagosa omkhosi ambamba aza amgcina kwijele yomkhosi de yaba nguNovemba 1, 2022. Le nto yayingekho semthethweni. Umzalwana uRoyal ucela ukuba into eyenziwa yiGadabay Region State Service xa inyanzela amadoda ukuba aye emkhosini iphandwe ngamagunya afanelekileyo.
URoyal uthi, “Xa ndaxelelwa ukuba andizokukhululwa kwijele yomkhosi, ndakhathazeka. Kodwa ndazama ukukhumbula ukuba kwakuvavanywa ukholo lwam.”
Xa uRoyal wayevalelwe, udade wabo wavunyelwa ukuba ayokumbona. Wakwazi ukumnika iBhayibhile, ibe uRoyal uthi loo nto yamnceda waba nokholo oluqinileyo. “Ndandikhe ndityhafe, kodwa ngaloo maxesha, uYehova wayendipha amandla. Ukufunda iBhayibhile nokuthandaza kuYehova kwandenza ndaba noxolo.”
Sithandazela ukuba amagunya aseAzerbaijan ayeke ukuvalela abazalwana bethu ngenxa yokuungavumi ukwenza ezinye izinto kuba izazela zabo zingavumi. Endaweni yokuba abavalele, azame ezinye iindlela zokusebenzela urhulumente ezenziwayo kwamanye amazwe.—1 Timoti 2:1, 2.