Yiya kwinkcazelo

NGOFEBRUWARI 4, 2022
EAZERBAIJAN

IKomiti Elwela Amalungelo Abantu Yezizwe Ezimanyeneyo Ilwela Amalungelo Oodade Ababanjwe Beshumayela EAzerbaijan

IKomiti Elwela Amalungelo Abantu Yezizwe Ezimanyeneyo Ilwela Amalungelo Oodade Ababanjwe Beshumayela EAzerbaijan

Ikomiti YeZizwe Ezimanyeneyo elwela Amalungelo Abantu (iCCPR) ithathe izigqibo ezibini ngoNovemba nangoDisemba 2021. Ezi zigqibo zilwela ukuba amaNgqina kaYehova aqhubeke exelela abantu ngokholo lwayo. Zombini ezi zigqibo zisusela koodade ababanjwe ngabasemagunyeni eAzerbaijan kuba bethetha nabantu ngeBhayibhile.

NgoNovemba 5, 2021, iCCPR yalwela ukuba udade Matanat Gurbanova noSaadat Muradhasilova bakwazi ukushumayela bengenaxhala lokubanjwa. Aba dade babanjwa xa umntu ongaziwayo wayokukhalaza kwabasemagunyeni ngoNovemba 2014. Ngamnye kwaba dade kwathiwa makabhatale i-1 500 Azerbaijani Manats (eyi-880 ngokweedola zaseMerika). ICCPR yathi sonke esi sigwebo sasingekho semthethweni yaza yathi iAzerbaijan mayingazivumeli izinto ezinje kwixesha elizayo.

UMatanat noSaadat, abangoodade abazalwa kunye, bathi: “Nangona amapolisa nejaji babefuna ukusoyikisa, le nto yasuka yenza ukholo lwethu lwaqina. UYehova uphinde wasibonisa ukuba akho nto inokumnqanda, uyazi ukuba unokubakhusela nini ibe njani abakhonzi bakhe.”

NgoDisemba 21, 2021, iCCPR yaphinda yathi amapolisa aseAzerbaijan ophula umthetho ngokubamba uDade Jeyran Azizova noGulnaz Israfilova “kuba beshumayela kwindawo abangahlali kuyo.” Kwisigqibo sayo, iCCPR yabonisa ukuba aba dade abophulanga mthetho ngokuthetha ngezinto abazikholelwayo.

Xa babeyokubona abahlobo babo kwiNgingqi yaseGoranboy eAzerbaijan ngoNovemba 2016, uJeyran noGulnaz bathetha ngeBhayibhile nabanye abantu. Kwabakho umntu okhalazayo kumapolisa ngale nto baza oodade wethu babanjwa. Kwityala labo elaxoxwayo emva koko, ijaji yabatyhola ngokuba ngabathuthi beendaba, yathi mababhatale 2 000 Azerbaijani Manats (eyi-1,176 ngokweedola zaseMerika). Inkundla yesibheno yalixoxa eli tyala yaza nayo yavumelana nesigqibo sokuqala. Aba dade baphinda bafaka isibheno kwiCCPR.

Izigqibo zasemthethweni ezikhusela amalungelo ethu zisinceda senze owona msebenzi ubalulekileyo kuthi, ukushumayela iindaba ezilungileyo. Sivuya kunye noodade wethu abamisela umzekelo omhle ngokuba nesibindi sokushumayela iindaba ezilungileyo.—Mateyu 10:18.