Yiya kwinkcazelo

NOVEMBA 22, 2018
EAZERBAIJAN

AmaNgqina KaYehova aye amkelwa ngokusemthethweni njengonkonzo evumelekileyo kwisixeko ekuthiwa yiBaku, eAzerbaijan

AmaNgqina KaYehova aye amkelwa ngokusemthethweni njengonkonzo evumelekileyo kwisixeko ekuthiwa yiBaku, eAzerbaijan

NgoNovemba 8, 2018, iKomiti kaRhulumente WaseAzerbaijan esebenzisana neMibutho Yonqulo iye yavumela ukuba umsebenzi wamaNgqina kaYehova ubhaliswe ngokusemthethweni, kwisixeko ekuthiwa yiBaku eAzerbaijan. Ngoku abazalwana bethu bakhonza baze bashumayele bekhululekile kwesi sixeko.

Sinethemba lokuba ngenxa yesi sigqibo siye senziwa, nabanye abazalwana abakwezinye indawo kwakweli lizwe baza kubhaliswa ngokusemthethweni ukuze nabo bakhonze bekhululekile. Oyena mntu simbulela kakhulu ngutata wethu uYehova oye wenza iintliziyo zabasemagunyeni ukuba bamkele abazalwana bethu eBaku.—Filipi 1:7.