Yiya kwinkcazelo

APRILI 12, 2016
EAZERBAIJAN

Amapolisa AseAzerbaijan Aphazamisa Isikhumbuzo Sokufa KukaKristu

Amapolisa AseAzerbaijan Aphazamisa Isikhumbuzo Sokufa KukaKristu

NgoMatshi 23, 2016, amapolisa aseGakh avele nje asiyekisa iSikhumbuzo sokufa kukaKristu, esona siganeko singcwele esenziwa nyaka ngamnye ngamaNgqina kaYehova. Esi siganeko sasibanjelwe ekhayeni lomntu. Amapolisa awabonisa uxwebhu ayesithi ngumyalelo wenkundla, owagunyazisa ukuba aphengulule, ibe ohlutha uncwadi lwawo lonqulo kuquka neeBhayibhile. Amapolisa abathatha bonke abantu ababekho aza abasa kwisikhululo samapolisa sasekuhlaleni, ayebapheka ebophula ngemibuzo ibe abayalela nokuba babhale amaxwebhu athile. Bonke ababekho bakhululwa emva kokuba amapolisa echazele amaNgqina amathandathu angamadoda ngendlela afanele enze ngayo, nto leyo eyayiza kukhokelela ekubeni bamangalelwe ukuba bophula imithetho ebekiweyo.