Yiya kwinkcazelo

MEYI 26, 2014
EAZERBAIJAN

AmaNgqina KaYehova AseAzerbaijan Abhenela KwiNkundla YaseYurophu Yamalungelo Abantu

AmaNgqina KaYehova AseAzerbaijan Abhenela KwiNkundla YaseYurophu Yamalungelo Abantu

Ngenye intsasa yangeCawa, kwakuhlanganisene abantu abamalunga nabayi-200 eBaku, eAzerbaijan bephulaphule intetho esekelwe eBhayibhileni.

Amapolisa kunye nezinye iziphathi-mandla zalapho zambonzeleka kwelo gumbi babehlanganisene kulo zihamba noonondaba abarekhodayo. La mapolisa akanelanga nje ukuphazamisa amaNgqina kaYehova kodwa abetha amadoda awayekho, agqogqa ngaphandle kwemvume, athuka abo babezile, abohlutha imali, iikhompyutha noncwadi lweBhayibhile. Aphinda athatha amaNgqina amaninzi awasa emapoliseni, awagcina apho kangangeeyure ezininzi. Amanye amaNgqina amathandathu asuka kwamanye amazwe abanjwa iintsuku zaliqela aza agxothwa kwelo asiwa kumazwe awo. Izitishi zeTV ezafota esi siganeko zazithetha kakubi ngamaNgqina.

Ezi ziganeko zenzeka ngoDisemba 24, 2006, zabangela amaNgqina kaYehova afake isibheno sawo sokuqala kwiNkundla YaseYurophu Yamalungelo Abantu nxamnye neAzerbaijan. Ukususela ngoko, amaNgqina aye afaka ezinye izibheno eziyi-18 kule nkundla yaseYurophu kuba elwela inkululeko yawo yonqulo.

ISIZATHU SOKUBA KUFAKWE ISIBHENO

INANI LEZIGANEKO

Ukugqogqa Kwamapolisa

5

Ukwalelwa Ukuba Abhalise

1

Ukuphathwa Kakubi Nokuchaswa

2

Ukuhlolwa Koncwadi

5

Ukugxothelwa Kwelinye Ilizwe

3

Ukungavumi Ukwenza Izinto Ngenxa Yesazela

3

Xa Zizonke

19

Izibheno ezifakwe ngoJanuwari 31, 2014, kwiNkundla yaseYurophu Yamalungelo Abantu nxamnye neAzerbaijan

Le mizekelo ingezantsi ibonisa ezinye zezizathu ezabangela amaNgqina kaYehova aseAzerbaijan abhenele kwiNkundla yaseYurophu Yamalungelo Abantu.

  • Ukwalelwa Ukuba Aphinde Abhaliswe

    AmaNgqina kaYehova abhalisa eBaku ngoDisemba 22, 1999, aphinda abhalisa ngoFebruwari 7, 2002, kwenye ikomiti ejongene nabasebénzi neenkonzo. Ngo-2009 urhulumente waseAzerbaijan wenza utshintsho kumthetho wenkululeko nowonqulo, kwaza kwafuneka zonke iinkonzo ziphinde zibhaliswe. AmaNgqina kaYehova afaka isicelo kodwa ke sakhatywa. Nangona urhulumente weli engazange atsho ukuba asivunywanga isicelo amaNgqina asenza ngo-2002, wala ukuphinda awabhalise ngokusemthethweni.

  • Ukuphathwa Kakubi Nokuchaswa Ngamapolisa

    AmaNgqina kaYehova ahlanganisana emakhayeni abantu veki neveki ukuze akhonze. Kangangezihlandlo eziliqela, amapolisa aye ambonzeleke kuloo makhaya engenayo nemvume, aze aphazamisa. Ayebaphatha kakubi abantu abakula makhaya, ebavalela iiyure eziliqela, esohlutha noncwadi olucacisa iBhayibhile. Amanye amaNgqina aye ahlawuliswa imali eninzi. Ngo-2011, amaNgqina amathandathu aseGanja abanjwa kuba eye kwiintlanganiso ezalelwayo ngurhulumente, aza ahlawuliswa imali engange-R120 000. NgoJanuwari 11 nangoMatshi 2, 2014 amapolisa ebegqogqa amakhaya angenela kuwo amaNgqina.

  • Ukuhlolwa Koncwadi Lwethu

    IAzerbaijan lilo kuphela ilizwe elizimanye kwiBhunga laseYurophu * elizihlolayo iincwadi zonqulo, nto leyo enxamnye nomgaqo-siseko welo. * Lonke uncwadi lweBhayibhile olusuka kwamanye amazwe luyahlolwa, emva koko lusenokuyekiswa okanye kwehliswe isixa esingenayo kwelo. Ezinye zezi ncwadi ziyekiswayo, ziquka iMboniselo, imagazini yamaNgqina ephuma kabini ngenyanga. * Iinkundla zaseAzerbaijani aziziboneli ntweni izicelo zamaNgqina zokuba uncwadi lwawo luyekwe ukuhlolwa.

Amanye Amazwe Ayijonga Njani Indlela IAzerbaijan Eziphethe Ngayo Iinkonzo?

Kukho iikomiti eziliqela zamazwe ngamazwe eziye zaphefumla ngendlela iAzerbaijan ezenza ngayo izinto.

  • Uhlolisiso oluye lwenziwa ngo-2013 yenye ikomishoni yaseMerika luthi: “Ngomlomo urhulumente waseAzerbaijan uthi uziphethe kakuhle iinkonzo, kodwa ke siyabona ukuba izinto azide ziphucuke ngokukodwa emva kokuba kupasiswe umthetho wabo omtsha weenkonzo ngo-2009.”

  • Ingxelo eyenziwe yenye ikomishoni yaseYurophu elwa ubuhlanga yathi ixhalabe gqitha kuba kubonakala ngathi iinkonzo aziphathekanga kakuhle kwelo. Xa iphefumla ngomthetho waseAzerbaijan weenkonzo, le komiti yathi: “IAzerbaijan imele ilungise umthetho wayo. . . ukuze uhambelane nemiqathango yeNkundla yaseYurophu Yamalungelo Abantu.”

  • IKomishoni yaseVenice yabhala izinto ezimele zitshintshwe kumthetho waseAzerbaijan okhusela inkululeko yonqulo. Yathi: “Umthetho welo awuhambelani tu nomgaqo-siseko olandelwa ngamanye amazwe.  . . Kufuneka kwaziwe ukuba ngoobani abangenelwa kule mithetho, kwinkululeko yonqulo, eyesazela neyokubhaliswa kweenkonzo. Kwaziwe ukuba ngoobani abanelungelo lokungenzi izinto ezithile ngenxa yeenkolelo zabo nabanokuguqula abanye. Imithetho ethetha ngezi nkalo imele iqalwe ekuqaleni ukwenziwa.”

Inkululeko

AmaNgqina kaYehova ehlabathini lonke ayayixabisa into yokuba enenkululeko yokuthetha, eyokuhlanganisana, eyesazela neyonqulo. Amxabisa gqitha urhulumente obanika la malungelo. Iqaqobana lamaNgqina ayi-2 500 nabo akhonza kunye nawo aseAzerbaijan, linethemba lokuba ngenye imini liza kukwazi ukonwabela inkululeko yonqulo njengezinye iicawa ezikwilizwe lawo.

^ isiqe. 28 IAzerbaijan yaba lelinye lamazwe akwiBhunga laseYurophu ngoJanuwari 25, 2001.

^ isiqe. 28 I-Article 48 ikhusela amalungelo onqulo, i-Article 50 inqanda ukuhlolwa kweencwadi ngokungeyomfuneko.

^ isiqe. 28 Nyanga nganye amaNgqina kaYehova aye enze iMboniselo kawonke-wonke enceda ekucaciseni iBhayibhile. Emabandleni awo asebenzisa enye iMboniselo ayifunda iveki neveki. Kusasazwa iikopi ezingaphezu kweziyi-45 000 000 zeMboniselo ngeelwimi ezingaphezu kweziyi-200, oku kuyenza inkqenkqeze phambili kwiimagazini ezisasazwayo ehlabathini lonke.